UMathe uthi amapolisa kunye namajoni awazokwazi ukuhlangula ooZama Zama kuba kuyingozi.

 

UMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu ezakukhatshwa ngabameli bomkhosi wokhuselo loMzantsi Afrika (SANDF) kulindeleke ukuba batyelele ummandla waseStilfontein eMntla Ntshona namhlanje.
Oku kuza emva kokuba abahlali abamalunga namashumi amahlanu (50) bathabathe uxanduva lokuhlangula amakhulu abasebenzi-mgodini abangekho semthethweni abasephantsi komhlaba.

Olu tyelelo luza nanjengoko abahlali bale ndawo bevakalise inkxalabo yokuba indlela abarhanelwa abaphathwa ngayo abasebenzi-mgodini abangekhomthethweni inyhasha amalungelo abo.

Nangona kunjalo, iSithethi samaPolisa kuzwelonke, uBrigadiya uAthlenda Mathe uthe amapolisa awazukuqhathwa njengoko esi sisenzo solwaphulo-mthetho.

UMathe uthi amapolisa namajoni awazukuhamba ukuya kukhupha abo basebenzi basemgodini . Uthe, abazokuvumela amadoda nabafazi kunye namajoni ukuba behle baye kuhlangula aba bophili mthetho kuba kuyingozi. Ukwathe baye babonisana nabanini mgodini, ne-DMRE kwaye baxelelwa ukuba akukhuselekanga, bubudenge ukuvumela abantu behle baye phaya ezantsi emgodini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA