ICandelo loPhando kuLwaphulo-mthetho oluNtu noBundlobongela kwiPhondo leMpuma Koloni lenze impumelelo ebonakalayo ekuphandeni kokubulawa kwabantu abasixhenxe (7) abadutyulwa ngokungenangqiqo babulawa ngentseni yangeCawe,19 kaCanzibe.
Kutyholwa ukuba abahlali abathandathu (6) (amadoda amahlanu (5) aquka umntwana kunye nebhinqa), badutyulwa ngokungenalusini kwimoto yabo yohlobo lweMazda 3, logama omnye umntu wafunyanwa ebhubhile malunga nekhilomitha ukusuka kwimoto yohlobo lweToyota Fortuner kwindawo yaseNxanxashe kuGatyane.
Aba babhubhileyo baye bachongwa kamva njengoNkqubela September (43), Xolani Klawushe (23), Luyolo September (25) (engunyana kaNkqubela Septemba), uIviwe September (12) (ubudala –unyana kaNkqubela September), uBusisiwe September (35) (inkosikazi kaNkqubela September), uLubabalo Khumalo Mazwana (ongaziwayo iminyaka) kunye noBongani Maleki (ongaziwayo iminyaka – ofunyenwe kwiToyota Fortuner) baseDutywa, abane kwababhubhileyo kuMazda 3 ngabaseMthatha logama abanye abantu ababini bengabahlobo kwaye besuka eDutywa.
ICandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluNtu noBundlobongela kwiPhondo lisebenze ubusuku nemini likhangela abarhanelwa ababandakanyeka kwezi zenzo zokubulala ngokungenalusini. Abarhanelwa abathathu (3) babanjwa ngobusuku bangoLwesine umhla we23 kaCanzibe eNtshona Koloni. Amapolisa alandele iinkcukacha ezithe zafunyanwa kubarhanelwa. Abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) ukuya kumashumi amathathu anesine (34) ubudala bavele kwinkundla kamantyi kuGatyane izolo , umhla we-27 kuCanzibe ngezityholo zokubulala.
UMkomishinala wePhondo, uLt General Nomthetheleli Mene, uncome ukusebenza okugqwesileyo kweqela lamapolisa kunye nophando olunenyameko olukhokelele ekubanjweni ngokukhawuleza kwabarhanelwa abathathu (3).
By Anita Qubula.

