ICandelo loPhando loLwaphulo-Mthetho oluPhambili (eyaziwa njengeeHawks) ithe abantu abane sele bebanjiwe kwaye bebelindeleke ukuba bavele enkundleni ngoMvulo, 27 kuCanzibe 2024.
Ngokwengxelo yephepha-ndaba i-Independent Onlinwe, isithethi sooKhetshe eMpuma Koloni uKapteni Yolisa Mgolodela uthe kurhaneleka ukuba ixhoba belikhapha intombi yalo ukusuka kowabo ukuya kwindawo ahlala kuyo eGinsberg ngethuba begacelwe ngabarhanelwa ngeVW Polo emhlophe.
“Abarhanelwa babambe esi sibini basifaka emotweni. Abarhanelwa kuthiwa babaleke nabo kwindawo yexhwayelo emva kokudutyulwa kweembumbulu ezimbini emoyeni,” utshilo uMgolodela.
“Imoto kutyholwa ukuba yemka ibheka ngasemangcwabeni.”
UMgolodela uthi emva kwethuba, ixhoba elisandul’ ukuxhamla kwiRoad Accident Fund (RAF), kuthiwa lafowunela umntakwabo ukuba eze nekhadi lakhe lebhanki ngaseMan’s Tavern eQonce.
“Umntakwabo wazisa abasemagunyeni, amapolisa lasebenza ngoko nangoko emva kokufumana esiisikhalo,” utshilo uMgolodela.
Umgolodela uqhube wathi, abarhanelwa zange bakwazi ukumelana noxinizelelo lwamapolisa nto leyo ebangele ukuba baphakuzele aze abaleka amaxhoba. Ngokwexhoba, akukho mali yakhutshwayo kwiakhawunti yexhoba.
La madoda mane aphakathi kweminyaka engamashumi amathathu nantathu (33) ukuya kumashumi amne nantlanu (45) bekulindeleke ukuba avele enkundleni kamantyi eQonce.
INtloko yeeHawks kwiPhondo uMajor General Mboiki Obed Ngwenya uncome intsebenziswano ekhawulezileyo yamapolisa ekuqinisekiseni ukubanjwa kwabarhanelwa kunye nokukhululwa kwexhoba ngaphandle kokuhlawula nayiphi na intlawulo.

