12.6 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

I-UIF ithembisa ngezithuba zengqesho ezingama 700 000 kwilizwe jikelele

Usihlalo wegxowa-mali ye-(Insurance) yabantu abangaphangeli enika isiqabu sexesha elifutshane kubasebenzi xa bengaphangeli okanye bengakwazi ukusebenza ngenxa yokubeleka, kunye nekhefu labazali, okanye ukugula i UIF LAPC u Thembinkosi Josopu ugxininise ukubaluleka kwe UIF ngexesha lokuphelelwa ngumsebenzi. Esithi xa kufike eloxesha likaxakeka, i-UIF ibonelela ngemali ukuze ubani akwazi ukuzama ukuziphilisa.

Ethetha ne EC Indaba ngoLwesihlanu umhla weshumi elinethoba (19) kuTshazimpunzi kwiholo i-ICC eMonti kumasipala ombaxa waseBuffalo City, uJosopu uthe iUIF inceda ukuba ungathi xa uphelelwe ngumsebenzi ungabi nandlela yokubeka isonka etafileni.

Ngolusuku bokuphehlelelwa iinkqubo ezingamashumi amathathu anesithathu (33) zokuqaliswa komsebenzi, kuvezwa isicwangciso sokudala amathuba engqesho angaphezu kwamawaka angamakhulu asixhenxe (700 000) kulo lonke ilizwe jikelele.

Abebezimase lenkqubo kuquka kubo umphathiswa wezeNgqesho nemisebenzi uThulas Nxesi kunye nenkulu-baphathiswa yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane.

UJosopu uthi lombono wavela ngonyaka ka 2008 nalapho i UIF yayiceba ukungenelela kwimiceli-mingeni uluntu elithi lidibane nayo. Esithi iUIF ikwaveze inkqubo yesakhono sokunceda ingqesho yexeshana (TERS) nalapho iUIF ikwazi ukungenelela incede inkampani ixeshana xa iphantsi koxinzelelo.

“Ukuba iinkampani azincediswa yinyambalala yabantu engaphelelwa yimisebenzi, siyakwazi nokubonelela ezinye iinkampani ezisezingxakini ngemali ukuze zingavalwa” utshilo uJosopu.

“IUIF ayiboneleli ngemali kubantu abaphelelwe ngumsebenzi kuphela, koko iyakwazi ukubonelela ngemali neenkampani ezithile ukuze abantu bangaphelelwa yimisebenzi” uqhubeke esitsho.

Nangona kunjalo uJosopu ugxininise ukuba zonke iinkampani ezithi zifumane lenhyweba, zezo zineempepha ezingenachaphaza ku SARS kwaye ezikuluhlu lwe-UIF.

“Abantu abaselungelweni lokuxhamla kulendyweba ngabantu ababhalise kwisebe lenqesho kwicandelo le (Employment Services South Africa – ESSA) ngokwemigaqo ebekiwe, kwinkonzo zengqesho kwiphondo (PES) ezifumaneka kuwo onke amaphondo aseMzantsi Africa. Sikwakhuthaza abantu abangaphangeliyo ukuba bandwendwe kwisebe lengqesho ukufumana uncedo.” utshilo uJosopu

Ukanti kungoku nje iUIF sele indwendwele amaphondo amathathu okuquka kuwo iphondo laseNtshona Koloni, KwaZulu-Natal kunye neMpuma Koloni

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
79 %
6.8kmh
100 %
Thu
15 °
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
28 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks