12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

I-WSU iqinisekisa ukubhubha komfundi osuka kwikhampasi yaseGcuwa

Kubhubhe umfundi weYunivesithi iWalter Sisulu emva kokuba etsibe kwisithuthi esihambayo nto leyo ebangele ukwenzakala entloko.

Kwingxelo yangoLwesibini, leDyunivesithi ithi lo mfundi usiwe esibhedlele nalapho kubhengezwe ukuba ubhubhile ukufika kwakhe.

Isithethi saseWSU, uYonela Tukwayo, uthe kungoku nje iimeko ezijikeleze esi “sehlo sibi ziphantsi kophando lamapolisa.

Uthe iyunivesithi ikwabongoza “ukuzola nomonde” ngelixa uphando lusaqhubeka.

“Kubalulekile ukuba sivumele iinkqubo zophando ezifanelekileyo ukuba zenzeke.

“kwiziko – mfundo lase Walter Sisulu, ukhuseleko nempilo entle yabafundi bethu iseyeyona nto iphambili kuthi.

“Siza kuqhubeka ukusebenza ngokusondeleyo nabezomthetho kunye nabasemagunyeni abafanelekileyo ukuqinisekisa ukuba onke amanyathelo ayimfuneko ayathathwa,” utshilo uTukwayo.

Uthe abaphathi beWSU bazakubonelela ngeenkonzo zoluleko nenkxaso kubo bonke abafundi abachatshazelwe yile lahleko.

“Intliziyo yethu ilila kusapho nakwintandane zomfundi oswelekileyo ngeli xesha linzima ngendlela emangalisayo.

“Sidlulisa uvelwano lwethu olunzulu kwaye sikulungele ukubaxhasa ngayo nayiphi na indlela,” wongeze watsho.

Igama lomfundi alikaveli kwaye akukho zinkcukacha zithe zanikwa.

Nangona kunjalo, kukho izithuba zemithombo yeendaba ezingaqinisekanga ezijikelezayo ezityhola ukuba lo mfundi uhlaselwe ngoonogada bekhampasi.

Kuye kwacelwa amapolisa ukuba enze uluvo kodwa kungoku nje, asaphanda

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks