Iintsapho ezimkelwe ngamakhaya kwisaqhwithi sayizolo eMpuma Koloni zicela uncedo lukarhulumente. Izandyondyo zemvula kwakunye nomoya obhudla ngamandla zishiye intshabalalo koomasipala basekuhlaleni phantsi komasipala wesithili saseAmathole. Oomasipala basekuhlaleni abachaphazelekayo baquka iAmahlathi, Mnquma neGreat Kei.
Abanye babantu abachaphazelekayo kuyekwafuneka bafune indawo yokufaka intloko kubamelwane babo.
Abahlali belali yase-Ethembeni phantsi komasipala wengingqi i-Amahlathi bachola-chole iintsalela emva kwezantyalantyala zemvula.
Umhlali, uMnyamezeli Dumaphi, uphulukene nezinto zakhe zexabiso ezininzi emva kokuwa kwendlu yakhe yodaka. Ngelishwa wayengekho ngaphakathi endlwini.
Le ngxaki ishiye indoda eneminyaka engama-63 ubudala idandathekile kwaye ididekile. Ucela uncedo.
“Andazi ukuba ndiza kwenza ntoni ukusuka apha, ndishiywe ndingenanto. Kudala ndifaka isicelo seRDP, kodwa ngelishwa, oku kwenzeke ndisalindile.”
Elinye ixhoba uXoliswa Mcilongo, nofulelwe luphahla lwakhe, uyichaze le meko ingathandekiyo njengebuyisela umva usapho lwakhe.
“Andazi ukuba ndizakuqala ngaphi. Bendikwiphulo lokwakha lendlu xa idilika. Phofu ke, andisebenzi; Ndidla umhlala-phantsi.”
Umasipala wesithili sase-Amathole (ADM) ubambe intambo kwamanye amasebe karhulumente wephondo kule ngxaki.
Isithethi sase-Amathole uSisa Soga Msiwa uthi, “Siza kuvula amasebe ohlukeneyo ngokwenkqubo yokuhlaliswa koluntu njengeendawo zokuhlala zethutyana, ezophuhliso loluntu, ezekhaya namanye anokuthi achaphazeleke. IAmathole izakunika isiqabu okwexeshana kwicala leengubo nokutya ngokunjalo.”
Esi saqhwithi sibangele nomonakalo kwiintambo zombane. Ubungakanani bomonakalo awukaqinisekiswa.