IAfrica Rural Education and E-learning isungule IZIBALO NPC eMonti eICC ngomhla weshumi elinethoba kweyeThupha.
Kumenywe iinqununu zezikolo kunye neBhunga loLawulo lweZikolo nemibutho yeenkqubo zezikolo efana neFundi, Oxford EduZone, Somerset, Optimi, Kibooks online, Sisonke software solutions nezinye iinkqubo ngokunjalo.
UThulani Dube nongomnye wabaququzeleli uthe injongo yokuphehlelelwa kukukhuthaza imfundo yasemaphandleni kunye nabafundi abangathathi ntweni. Uthe umongo weli qonga kukwenza ubuChwepheshe, uPhuhliso lweZakhono kunye noBonelelo lokuQulathiweyo lufikeleleke kubantwana basemaphandleni.
UDube uthe: “Izikolo zasezilalini ziye zatsala nzima ngexesha lobhubhani we-Covid-19 bezingaqhagamshelwanga kwi-intanethi njengezinye izikolo. Undoqo walo msitho kukudibanisa umntwana wasemaphandleni kungekuphela nje ukubeka njengomgaqo-nkqubo kodwa ukuphumeza. ”
Uthe ukuba ukufunda kwi-intanethi kunye noqhagamshelwano abafundi abayi kuhamba iikhilomitha ezingama-40 ukuya esikolweni yonke imihla. Uthe ukunqongophala koncedo yenye ingxaki enkulu kwizikolo zasemaphandleni.
Lenkqubo yazisa ngeencwadi zetekisi eziprintiweyo kwii-E-books/digital books ezinokufikelelwa nguye nabani na kwiifowuni zakhe nakwezinye izixhobo. Umceli mngeni wezikolo zasemaphandleni kukuba zisoloko zezona zikhethwayo ekugqibeleni nokuba yiGajethi okanye uqhagamshelwano. Kananjalo le program ineekhosi zezakhono zootitshala ukwenzela ukuba babe nolwazi nge-E-learning.
UMininawe Morris weSisonke software solutions uthe iprogram yabo isebenza nootitshala kwi-classroom management solution kwiilebhu zekhompyutha ukuze ootitshala bakwazi ukubeka esweni okwenziwa ngabafundi ngeekhompyutha. Ukwathe inkqubo yabo bakwanayo nenkqubo yasimahla yokuba nabazali bafunde ukuze nabo bakwazi ukunceda abantwana babo ekufundeni.
UAyabonga Goba waseSomerset uthe inkqubo yabo ibonelela ngezixhobo zeNzululwazi nobuChwepheshe kwiNzululwazi yeNdalo kunye neNzululwazi yoBomi kwaye basebenza ngokusondeleyo norhulumente.
U-Erica ovela kwiOxford University Press uthe babonelela ngeencwadi zokufunda zedijithali kwizikolo eziphakamileyo. Baneencwadi zezifundo, iincwadi zezifundo zedijithali kunye neevidiyo ze-E-learning.