17.3 C
King William's Town
Tuesday, March 5, 2024

“IANC ijongene nexesha elinzima kwaye lonto masiyamkele singazikhohlisi” Gwede Mantashe.

Inkomfa yesithathu(3rd) yesithili i-Amathole nebintsuku mbini ivale kakuhle emva kokundwendwelwa nguNobhala jikelele weANC uGwede Mantashe eICC eMonti izolo. Lenkomfa ithe yanyula abagqatswa abatsha abazakuthatha inxaxheba kuleminyaka mihlanu(5years) izayo kulawulo lwaleRegion olurhangqe iNgqushwa, Amahlathi , Raymond Mhlaba , Great Kei , Mbashe nabakulawulo lwesithili iAmathole.

Usihlalo wale-Region uKhanyile Maneli uthe wakhupha ingxelo ngombutho weANC kwisithili se-Amathole esithi kungokunje, umbutho kufuneka uxoze mphini wumbi ubuyise isidima esele sihexa kulawulo lwalombutho. Ukwathe kukhe kwakhona ukungazinzi kakuhle kulawulo eRaymond Mhlaba kuquka nokulahleka kweenkcukacha ezityikityiweyo zobalilungu.

LokaManeli uqhube wathi kulonyulo loorhulumente basemakhaya luka 2021 kuye kwakhona ukwehla kweevoti ngenxa yeengxaki zolawulo lwalombutho xa kuthelekiswa  no2016 kuquka nomngeni weNtsholongwane yeCorona nebimise ngxi iintsukumo zoluntu. Uqwele ngelithi umbutho kufuneka ubuyise isima salombutho kuquka nokukhonza uluntu ngendlela ephucukileyo.

Ukanti uNobhala jikelele weANC uMantashe kwuthetho yakhe kuleNkomfa uthi umbutho weANC inyani mayithethwe phandle kwaye uyankelwe into yokuba khange uqhube kakuhle , kwaye uninzi lwabantu luye lwaphelelwa lithemba kulawulo lwalombutho. LokaMantashe uqhube esithi leRegion ye Amathole ibinomceli mngeni wokungakwazi ukubhatala iimali zabasebenzi kwaye zizinto ezo ekumele iAmathole iyaziqwalasela kolu lawulo lutsha lunyuliweyo. Ukubanjwa kwenkomfa, lithuba kokuba umbutho ulungise iziphoso zawo, ukhangele izisombululo kunye nokwakha umbutho hayi ukonyulwa kwamalungu kuphela “utshilo uMantashe”

UMantashe ubalule ukuba kufuneka kuqwalaselwe kuhlolwe iingxaki ebezikhona  ukuba zingasonjululwa njani hayi ukufihla amathanda azakuphinda achachambe ekuhambeni kwexesha kwaye kwenze iyantlukwano kumbutho. Ekwathi mabaphononongwe abantu abatyunjwayo khonukuze kubonwe ukuba bazakumelana kusini na nesikhundla sakhe , kungafakwa abantu abazakugquma inyala eliqhubekayo ngaphakathi.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17.3 ° C
17.3 °
17.3 °
89 %
2.5kmh
63 %
Tue
28 °
Wed
27 °
Thu
32 °
Fri
30 °
Sat
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks