Umbutho we-ANC wesithili iAmathole uqukumbela inkomfa entsuku mbini ebizwa ngokuba yi-ANC Amathole 3rd Regional Conference eICC eMonti nalapho kunyulwe abagqatswa abatsha. Lomsitho uzinyazwe zizinxiba mxhaga, iindwalutho, neenkokeli ngokwahlukana kwazo zombutho we ANC nakumasebe amacandelo ohlukeneyo ephondweni.
Abagqatswa abathe banyulwa nabazakuxhuzula imikhala kuleminyaka mihlanu izayo besithili se-Amathole singabalula :
* Uqabane uKhanyile KC Maneli onyulwe njengosihlalo ( Chairperson )
* Usekela sihlalo ngu Sheilla Xego ( Deputy Chairperson )
* unobhala Thembalethu Teris Ntutu ( Secretory)
* Isekela likanobhala ngu Zibuthe Mnqwazi ( Deputy Secretory)
* Ungongxowa ngu Onke Mgunculu.( Treasure)
Usihlalo osandokonyulwa umnumzana uKhanyile Maneli kwintetho yakhe uthi ukusuka ngoku kuzonyanzeleka ukuba bangcibe iintanda kumbutho we ANC , babuyise nesidima esisele sihexa, kuquka nokumanyanisa lombutho.
Lo kaManeli uqhube wathi baza kundwendwela amakhaya athe azibhaqa engenandawo yokufihla intloko kuMasipala iAmathole ngenxa yesitshingitshane , neemvula ezimandla ezikhatshwa kukubaneka nokududuma kwezulu. Ethetha ngokuhlunyezwa kwabasetyhini nabantwana uthi amaqabane kuyafuneka ukuba azibandakanye namaphulo alwa nokuhlukunyezwa kwabasetyhini kwakunye nabantwana.




