IBabina Noko ibhengeze umqeqeshi omtsha.

Akasenamsebenzi uSeema emva kokuphela kwesivumelwano sengqesho neseKhukhune.

Iqela lebhola ekhatywayo kwiDSTV Premiership iSekhukhune United libhengeze umqeqeshi omtsha weliqela ozakuthatha intambo kulowo wayesakuba ngumqeqeshi wabo uLehlohonolo Seema noqale ngokunikwa ikhefu labucala leliqela.

UPeter Hyballa nongummi welizwe laseGermany uchazwe yiBabina Noko njengomqeqeshi wayo omtsha nozakuliqeqesha eliqela kulesizini siya kuyo ka2024/25. Lo mjamani uza namava ayintaba kweliqela emva kokuchitha lonke elixesha phambi kokuba aze apha eqeqesha e-Europe kumazwe afana neTurkey, iJamani, eSlovania, ePoland naseNetherlands.

Eliqela libhenele kulomqeqeshi emva kokuba lingaphumelelanga ukufumana uMorena Ramarebodi noSteve Kompela ababenomdla kubo. UHyballa oneminyaka engamashumi amane anesibhozo (48) ubudala ebeqeqesha iqela elikwisigaba sesibini i-NAC Brada kwiDutch ligi.

UPeter kuzakufuneka ayazi mhlophe ukuba ezi izihlangu zikhulu kuba iSekhukhune igqibe isizini ikwindawo yesine yaze yakwazi nokuzibekela indawo kwindebe yeCAF Confedarations.

Eli qela lelinye lamaqela athande ukuxakeka elungiselela isizini esiya kuyo ngokutyikitya abadlali. IBabina Noko sele ikhulule abadlali abalishumi elinesithathu laze latyikitya abadlali abahlanu.

Abadlali esele betyikitywe yiSekhukhune United nguNjabulo Ngcobo, uLindokuhle Mtshali, uKeletso Makgalwa, ibe nguAndy Boyeli noThabang Monare.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
68 %
2.6kmh
10 %
Wed
24 °
Thu
30 °
Fri
35 °
Sat
26 °
Sun
28 °

EZITHANDWAYO INDABA