IiJunior Boks ziyivule kakuhle iNdebe yoMhlaba yabangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini (u/20) emva kokuphumelela umdlalo wokuqala eKapa nalapho letumente ibanjelwe khona.
Amabhokobhoko amancinci abethe iFiji ngamanqaku angamashumi amahlanu anesixhenxe kwisixhenxe (57-7) ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyeSilimela inyanga kumabala aseKapa.
Iqela lomboxo loMzantsi liye lanqenqeza phambili ngamanqaku angamashumi amathathu nanye kwiqanda (31-0) ukuya kwabo ekhefini. Umdlali weliqela uJurenzo Julius ulale emgceni amatyeli amabini(2) kwisiqingatha sokuqala phambi kokuba afumane ikhadi elimthubi. Abadlali esinokuba balula kulomdlalo we-Junior Boks yi- lock uBatho Hlekani, ibe nguLium Koen noncedise kwenye yeetrayi ezine kwisiqingatha sokuqala somdlalo nophose kwakanye ngethuba ekhabela epalini.
Siphinde sibalule uMichail Damon oyi- fullback noJoel Leotela odlala njenge- wing abathe balala emgceni. ULuka Bakkes oyi-hooker, uSiba Mahashe oyi-flank, yena uncedise kwitrayi kaLikhona Finca oye walala emgceni naye.
Iqela loMzantsi Afrika lizakuqubisana neArgentina kumdlalo olandelayo, I-Argentina ibhuqwe kanobom yiNgilane. Lomdlalo uzakudlalelwa kumabala iDanie Craven eStellenbosch ngoLwesine umhla wesine kulenyanga.