15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

IBack 2 Basics iyaqhuba, ide yawongwa ngenxa yomsebenzi omhle.

Uphumelele emagqabini uMphathi wombutho ongenanto yakwenza noRhulumente iBack 2 Basics nogama lingu Siyasanga Kumalo Mjenxane ekunye nesigqeba asebenza naso.

Okukuphumelela kwenzeke kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, kukhuphiswano lendebe(awards) nenjongo yokwenziwa kwazo ibikukuwonga amatsha-ntliziyo eli, ingakumbi abo balwa nendlala kwanokuxhatshazwa kwabantu ngokwesini.

Ezimbasa nebezichonga iqela labantu abazisa uncedo eluntwini, ziqhubile kwaye kusetyenziswa ubuxhaka-xhaka balemihla kwaze kwahluzwa de kwayokufikelelwa kwiimbasa ezintathu(3) zoMenzi woTshintsho kunyaka ka-2023 emva koko zavotelwa kwinkqubo yokuvota yamanqanaba amabini – kwi-Intanethi kuqala, kwaze kwayiwa kwinkomfa.

Kwabaphumeleleyo ibe ngaba balandelayo
*Ukubonelela ngeenkonzo zeengcebiso kwi-intanethi kunye nendawo ekhuselekileyo kumaxhoba e(GBV) okanye ukuxhatshazwa kwabo ngokwesini kumaphandle aseMpuma Koloni, uSiyasanga Kumalo-Mjenxane’s kwindima ayidlalayo ukunika inkxaso kumaxhoba kunye nabo basinde kwi-GBV.

Kolukhuphiswano balindeleke ukuba baphumelele imbasa yesixa mali esingange R20 000 nanjengoko bebechazile ukuba bazakuyisebenzisa njani ukuba baphumelele.

IBack 2 Basics ithembise isithi yona izakwenza oku kulandelayo.
a) ukuthenga iipakethi ezinjengeepads zangasese, isipreyi somzimba, isibulala-vumba, ilaphu lobuso, isepha, isithambiso somzimba, njalo,njalo) kumaxhoba obundlobongela obusekelwe kwisini kusetyenziswa indawo ekhuselekileyo.
b) Bathengele abantwana izinto zokudlala kunye neencwadi abasebenzisa indawo ekhuselekileyo.
c) Bamisele iinkonzo zeengcebiso kwi-intanethi (ngo-whatsapp nangefowuni) ukulungiselela amaxhoba obundlobongela obusekelwe kwisini kunye nomonzakalo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks