Ubomi bobundlobongela bumke nemiphefumlo yabantu abathandathu(6)

Lusabambe ongezantsi lothukile uluntu lwelokishi yaKwanobuhle eGqeberha, emva kokudutyulwa kubulawe abantu abathandathu(6) ze kwangxwelerheka wamnye(1) kwisithwakumbe esenzeke izolo.

Ngokwengxelo evela kwinkonzo yesiPolisa eMpuma Koloni, ichaza ukuba kunmbonzeleke amadoda amathathu(3) angaziwayo sele ethulula imbumbulu emtwini. Kukwavakala ukuba lomzi kwenzeke esisehlo waziwa ngokuthengisa iziyobisi kulengingqi.

Okulilishwa kukudutyulwa kubulawe intwazana nebisaze ngobuso elizweni egama linguZibenathi Mdledle. Lentwazana  ineminyaka elishumi elinesixhenxe(17)ubudala. USivenathi, ufunyenwe umzimba wakhe udundulize phambi kwesango lalomzi emva kokuba ebezama ukungena ehamba nomhlobo wakhe.

Amapolisa aseGqeberha wona athi lamadoda ambonzeleke ngezithuba zentsimbi yeshumi elinesithoba (19:40) ebusuku sele edubula.Kwabadutyuliweyo kuquka abasetyhini ababini ze kwabhubha omye. Bephelele abadutyuliweyo basibhozo, ze kwabhubha anathandathu, abasindileyo babalekiselwa esibhedlele ukuze bafumane unyango.

Ityala lokubulala livuliwe ngamapolisa logama kusenziwa uphando ngesisithwakumbe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA