ISouth African Football Association (SAFA) ibhengeze ukuba indawo ekuzakudlalelwa kuyo umdlalo wokuqala kulonyaka wokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi uzakudlalwa kwibala laseFreyistata okokuqala oko kwathi kwadlalwa umdlalo weBafana Bafana neqela laseFrance kwindebe yehlabathi nalapho iBafana Bafana yaphumelela ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) ngonyaka ka2010.
Kulomdlalo uMzantsi Afrika uzakube uqubisene neqela lesizwe lebhola ekhatywayo laseZimbabwe iiWarrious ngomhla weshumi elinanye kweyeSilimela eBloemfontein, kuzakube kungolwesibini ezintsukwini.
Obambeleyo njengengqonyela yeSAFA uThulani Ngwenya ubongoze abalandeli bebhola ekhatywayo ukuba bancede baphume ngobuninzi ukuya kugcwalisa ibala eli lezemidlalo. IBafana Bafana sele idlale imidlalo emibini yaphumelela umdlalo omnye, yabethwa komnye.
IBafana yothuswa yiRwanda kunyaka ophelileyo xa yayibethwa ngamanqaku amabini eqandeni (2-0) yona yazibethela iBenin ngamanqaku amabini kwelinye (2-1).
Iqela loMzantsi Afrika lebhola ekhatywayo likwindawo yesibini kuGroup C. IBafana kulindeleke ukuba iqubisane neeSuper Eagles ngomhla wesixhenxe kweyeSilimela, eli qela lesizwe lebhola ekhatywayo laseNigeria liqale lemidlalo yokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi ezakuba ngonyaka ka2026 ngokudlala ngokulingana imidlalo emibini yokuqala.
Le ndebe yehlabathi yebhola ekhatywayo yangonyaka ka2026 izakuhlinzekwa ngamazwe amathathu Mexico, iMelika kwakunye neCanada.
By Siphiwo Boqwana

