Urhulumente wephondo ukwamkele ukunqunyanyiswa koqhankqalazo lezithuthi zabafundi

Uthetha-thethwano phakathi koRhulumente wePhondo leMpuma Koloni (ECPG) kunye nabaqhubi bezithuthi zabafundi abaqhankqalazayo lukhokelele ekunqunyanyisweni koqhankqalazo obeluqhubeka ngoLwesine umhla wesibini (02) kuCanzibe 2024.

NgoLwesine, igqiza likarhulumente wephondo elikumacandelo ngamacandelo belivaleleke kwiingxoxo neenkokheli zabasebenzi bothutho lwabafundi kwisithili sase-Amathole kunye nomasipala ombaxa waseBuffalo City ngelizama ukusombulula ingxaki ekhokelele kuqhankqalazo.

Urhulumente wephondo uzibophelele ekuhlawuleni zonke ii-invoyisi ezisele ziqinisekisiwe nezisemthethweni, ukusukela ngoJanuwari ukuya kutsho kweyoKwindla ka-2024. Isebe lezothutho kwingxelo yalo lithi ii-ofisi zesithili zeSebe lezoThutho eMpuma Koloni ziqinisiwe ukuze ziphucule ukusebenza kakuhle nokukhawulezisa ukusetyenzwa kwee-invoyisi, ingakumbi kwizithili apho kukho imiqulu emininzi yee-invoyisi. Lithi oku kuya kuqinisekisa ukuba isebe ligqibezela ukusetyenzwa kwee-invoyisi ukuhlangabezana nemihla ebekiweyo.

Uthetha-thethwano lukwazile ukunqanda uqhankqalazo oluthatha ixesha elide kwaye mhlawumbi oluqhwalelisa ezoqoqosho.

Intlanganiso izibophelele kwiindibano eziqhubekayo phakathi kukarhulumente kunye noshishino ukunqanda ukuphinda kwesehlo esinje.

Kusenjalo uRhulumente wePhondo uwaqhwabele izandla onke amaqela abandakanyekayo ngokuphinda abize kwaye afikelele kwisisombululo soxolo esivumela ukuqaliswa kwemisebenzi yesiqhelo kwiphondo.

Olu qhankqalazo lwakhokelela ekubeni kuvalwe iindlela zorhwebo eziphambili kweli phondo eziquka uN2 phakathi kweMonti neKei Bridge, uN2 phakathi kweQonce nePeddie, uR63 ukusuka eQonce ukuya eDimbaza, uR61 eQamata kwakunye nomgama oziikhilomitha ezimbini (2) osingise eNgcobo ukusuka eMthatha.

Ii-arhente zogcino-mthetho bezisasazwe kwiphondo liphela ukuze zibeke iliso kwimeko kwaye ziqinisekise ukhuseleko kwiindawo ezichaphazelekayo. Akukho bundlobongela basesidlangalaleni kunye neziganeko ezinxulumene nazo ezichaziweyo.

Kusenjalo inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane, egameni likaRhulumente, wePhondo uvakalise ukuzisola okukhulu ngeziphumo ezibi zokuvalwa komsebenzi kubafundi, abasebenzi nakubo bonke abachaphazelekayo, ingakumbi abo baxhomekeke kwizithuthi zikawonke-wonke kwimisebenzi yabo yemihla ngemihla.

Ukanti uRhulumente wePhondo uzibophelele ekwenzeni konke okusemandleni ukuhlangabezana nemihla ebekiweyo yeentlawulo.

I-ECPG ithi iza kuqhubeka isebenza ukugcina ubudlelwane obuhle kunye nemveliso kunye nabaqhubi bezothutho zabafundi. Kananjalo ikwazibophelele ekuqinisekiseni inkqubo yezothutho kawonke-wonke ekhuselekileyo nesebenzayo kumntu wonke, kwaye ikhuthaza ngakumbi onke amaqela ukuba asebenzisane ukuze afezekise le njongo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
88 %
1.9kmh
98 %
Sun
17 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA