IiCranes neBafana Bafana bazakudlalela nje indawo yokuqala kuGroup K namhlanje kuba omabini lamazwe anamatikiti okuya eMorocco kunyaka ozayo.
Iindaba ezothusayo iBafana Bafana ikwazile ukuzibekela indawo kwiNdebe yaseAfrika iCaf Africa Cup of Nations eMorocco kunyaka ozayo ka2025, ingekadlali emva kokubethwa kweCongo yiSouth Sudan ngamanqaku amathathu kwamabini (3-2). IBafana iqubisana neUganda ngoLwesihlanu ukutsho namhlanje umhla weshumi elinesihlanu (15) kule yeNkanga inyanga, eUganda emva kwemini.
ICongo ibethwe izolo ngoLwesine umhla weshumi elinesine (14) kule yeNkanga inyanga. Kungoku nje iUganda neBafana Bafana ziwafumene amatikiti okuya eMorocco kwiCaf Africa Cup of Nations.
IBafana Bafana neeCranes badlalela indawo yokuqala ngoku kuGroup K nanjengoko sele belifumene itikiti eliya eMorocco kunyaka ozayo.
By Siphiwo Boqwana

