24.9 C
King William's Town
Wednesday, April 3, 2024

Ibambe umsitho weembasa zayo zokuqala iMontywood eMonti

Ibambe umsitho weembasa zayo zokuqala iMontywood I-Montywood ibambe umsitho weembasa zayo zokuqala zemiboniso bhanyabhanya zonyaka ngoMgqibelo, 02 Matshi 2024.La mawonga ebebanjelwe eGuild Theatre eMonti, nalapho umsitho wekhaphethi ebomvu ubuqale ngentsimbi yesihlanu malanga.La mawonga ahlonipha impumelelo yabenzi befilimu, abadlali beqonga, abavelisi, amaqela abavelisi kunye nabo bonke abo bathe banegalelo ekukhuleni kweshishini leefilimu eMpuma Koloni.Phakathi kwamacandelo, imiboniso bhanyabhanya eBalaseleyo, abadidiyeli, iSkrini sokudlala okugqwesileyo, iiVideos zoMculo eziBalaseleyo, amagcisa aBalaseleyo kunye nabadlali abaBalaseleyo babandakanyiwe.UKweriez, omnye wabaphumelele iimbasa ngobo busuku ubengene kwicandelo le best screen play kwi-Isirhalamunca kunye nochungechunge oluBalaseleyo, uphumelele ibhaso kudidi lomdlalo wescreen oBalaseleyo.UKweriez uwongwe ngeliwonga kwaye wavakalisa umbulelo ongazenzisiyo ngewonga alifumeneyo emva kokuba echongwe.Phakathi kwabaphumeleleyo nguSiyanda Futshane, ophumelele kudidi lweBest Actor kuthotho olusihloko sithi, Bitterlove 1. UFutshane uthe unombulelo ngokuchongwa kwakhe, “Ndivuyiswe kakhulu kukuba phakathi kwabo bebechongwa kwaye ndindodwa. , sele indenze ndaziva ndiphumelele,” utshilo uFutshane.Ukongeza apho, uThulisile Mahlungwana ubethelele impumelelo yala mawonga watsho ebulela igqiza eliququzelela la mawonga nanjengoko likwazile ukuwenza ube mnandi lo msitho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
24.9 ° C
24.9 °
24.9 °
42 %
2.4kmh
97 %
Wed
26 °
Thu
33 °
Fri
17 °
Sat
13 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks