Iqela lezopolitiko iBuild One South Africa ithi izakuba kwiphepha lokuvota, kolu unyulo ngomhla wamashumi amabini anethoba kuCanzibe.
Esi sibhengezo senziwe ngoLwesine yinkokeli, uMmusi Maimane, obekhe waphikisa imfuneko yolonyulo lokuba kutyikitywe inani elincinane ukuze umbutho ube kwiphepha lokuvota.
Uthethe ngaphandle kwee-ofisi ze-IEC ngentseni yangoLwesine, nalapho ebeqhubeka nokugawula imithetho yolonyulo athe yenza kubenzima kumaqela amatsha.
“IBOSA, ngo2024 izakuba kuwo onke amaphepha evoti esizwe kuquka neloMzantsi Afrika, namhlanje singenisa abantu abangaphaya kwe-140 000 abatyikitye kwi-IEC,” utshilo eqhwatywa izandla liqela labalandeli bakhe endleleni.
UMaimaine ukwathe ibingumzuzu obalulekileyo kumbutho wakhe ukuba uye ezinkundleni ukuphikisa into athe “yimithwalo” ethweswe amaqela amatsha ngokwemiqathango athe ixhasa amaqela ePalamente.
Kumyalezo ongqongqo kwi-IEC, uMaimane uthe iBOSA izakuqhubeka nokucela umngeni kwimithetho akholelwa ukuba ayinabulungisa.
“Ungabeka imithetho emininzi, ungayenza ibenzima, kodwa siya kungqina ukuba awulunganga kwinqanaba ngalinye. Siza kulwa nawe ngqo kwaye siza kucela umngeni kumaqela ahleli kule meko, ” wongeze watsho.
Kusenjalo, ngexesha lemibuzo, uMaimane ukuvumile ukubaluleka kwenkxaso-mali kumaqela ezopolitiko, nalapho iIEC inike ingxelo yokuba iBOSA ifumene malunga nezigidi ezisibhozo zeerandi.
“Kumaqela amatsha ezopolitiko, umzabalazo uyaqhubeka, uthi kufuneka uphume kwaye uqokelele imali efunekayo kwaye nasemva koko kufuneka uqhubeke.
“Ndihleli kuloliwe wokunyusa ingxowa-mali, yiloo nto siye sasungula iqonga le-intanethi kungoko sisenza zonke ezo zinto,” wongeze watsho uMaimane.