Ibanjwe ne-cocaine intwazana ebeyivela kuyothengela umtshato wawo ozayo eBrazil

Ibutho lookhetshe likhuphe ingxelo yokuba, kubanjwe kwavalelwa owasetyhini waseMpuma Koloni kunye nababini(2) ekurhaneleka ukuba ngoogxa bakhe kwisikhululo seenqwelomoya saseRhawutini iOR Tambo ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) keeyeThupha, emva kokuba kufunyenwe i-cocaine eyi-10kg kumthwalo wakhe.

Eligqiyazana lineminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) laseMotherwell eGqeberha eMpuma Koloni libanga ngelokuba belindwendwele kwilizwe laseBrazil lizenza ngathi liyokuthenga ubunewu-newe ukulungiselela “umtshato wakhe ozayo”.

Ukanti iingxelo zidiza ukuba abarhanelwa ababini (2) bebelinde kwiholo yokufikela abasuka kumazwe angaphandle lwesisikhululo seenqwelo-ntaka nabathe nabo babanjwa. Esisibini singabemi baseNigeria abaneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) kunye namashumi amahlanu anesibini (52) ubudala.

Aba bathathu bazakuvela kwinkundla kamantyi eKempton Park ngoLwesine umhla wamashumi amabini anethoba (29) kulenyanga imiyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
88 %
1.9kmh
98 %
Sun
17 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA