Lidudume ladlula kowona mdyarho wakhe wamde eMnambithi.
UMdyarho weembaleki KwaZulu-Natal ubufinca iminyaka elikhulu alinesithathu (103) ngeCawa umhla wethoba (09) kweyeSilimela 2024. Mane (4) amalungu eqela lebhola ekhatywayo athabathe inxaxheba kulomdyarho ungowona mde.
Omnye esingambalula othe wangenela lomdyarho womgama ongangamashumi asibhozo anesihlanu (85) nguSekela Sodolophu waKwaZulu-Natal kwindawo iMsunduzi, uMxolisi Mkhize nongenele ityeli lesine kulonyaka ngenjongo zokukukhuthaza ulutsha nokuba nika ithemba.
Lo mdyarho ubusuka eThekwini usiya ePietermaritzburg ubungenelwe ngabantu abangamashumi amabini anesihlanu amawaka (25 000). Lo mdyarho uphunyelelwe ngummi welizwe laseNetherlands onguPiet Wiersma nowenze ixesha eliziyure ezintlanu nemizizu engamashumi amabini anesihlanu (5:25:00).
Amalungu eqela le Sundowns angenele lo mdyarho nguGodfrey Sepuru, uDayle Solomon, uPaul Maphotu noCarl Tabana nakwisigqeba esilolonga nesijonga impilo yabadlali, bakwazile ukungena entanjeni lingekapheli ixesha leeyure ezilishumi elinesibini (12) ebelibekiwe lokugqiba.
Ophume isibini (2) kulomdyarho ibe nguDan Maselokwe nowenze ixesha eliziiyure ezintlanu namashumi amabini anesihlanu nemizuzwana engamashumi amane anesihlanu (5:25:45). Ophume isithathu (3) nguDegefa Lafeba nowenze iiyure ezintlanu nemizuzu engamashumi amabini anesixhenxe nemizuzwana engamashumi amane anesibhozo (5:27:48). UEdie Mkhabele yimbaleki engene emsileni kumdyarho weembaleki nongowona wakhe wanomgama omde iComrade.
By Siphiwo Boqwana