Amapolisa akwaMaqoma (ebesakuba yiFort Beaufort) abambe indoda yesibini malunga nokubulawa kukaZintle Takane onamashumi amabini anesine (24) ubudala.
UTakane wagqityelwa ukubonwa ekunye nesithandwa sakhe ngomhla wamashumi amathathu nanye (31) kuCanzibe 2024, eMike Valley, kwiintsuku phambi kokuba umzimba wakhe ubhaqwe kwingcwaba elingekho nzulu.
Ngokwengxelo yeendaba zeAlgoa FM, isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi isoka likaTakane elineminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala nokwangumsebenzi wakhe kwiSebe lezeNgqesho nezaBasebenzi ngowokuqala ukubanjwa.
USakhumzi Magwa ebevele nje kancinci kwinkundla kamantyi eFort Beaufort kwiveki ephelileyo nalapho athe wasilahla isicelo sakhe sebheyile.
Ukubulawa kukaTakane kothuse uluntu kubangele ukuba inyambalala yabaqhankqalazi bahlangane ngaphandle kwenkundla ngethuba eqala ukubonakala kukaMagwa.
USodolophu womasipala waseRaymond Mhlaba uNomhle Sango, amalungu eBhunga kunye neANC Women’s League bema nalembumba yomanyano.
ULt Col Mawisa uthi ngophando lwabo kufumaniseke ukuba kukho umntu wesibini ekutyholwa ukuba uncedise uMagwa kolu lwaphulo-mthetho.
Uthi uVuyani Kahlana oneminyaka engamashumi amane anesine, nowayesebenza nomfi kwiSebe lezaBasebenzi, ubanjiwe.
Bobabini abarhanelwa bazakuvela kwakhona enkundleni ngomhla weshumi elinesithoba kwinyanga yeSilimela xa uKahlana ezakufaka isicelo sebheyile.
NgoMvulo, uMphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu uBukiwe Fanta, utyelele usapho lukaTakane olubhujelweyo ngelixa inkonzo yokukhanyisa ikhandlela iza kubanjwa ngoLwesibini.
Unobangela wokubhubha kuka Takane awukachazwa nanjengoko iziphumo zokuhlolwa kwesidumbu zisaxhomekile.
Ityala lokubulala liyaphandwa.
By Anita Qubula.

