IPirates ayikwazanga ukusebenzisa ithuba lokunyukela kwindawo yesibini (2) kuluhlu lamaqela ePSL phezolo. IOrlando Pirates ibethwe okokuqala emva kwemidlalo esibhozo (8) ngethuba bequbisene neeRich Boys zaseThekwini.
Ngomhla weshumi elinanye kuCanzibe kumabala iOrlando eSoweto iRichards Bay ibethe ezimnyama ngenkani ngenqaku elinye eqandeni (1-0). Ukhumbule ukuba kuqale kwadlala umdlalo weStellenbosch nesibethwe yiSwallows ngamabini amanqaku eqandeni (2-0) nto leyo eyenze ukuba iStellis sihlale kulandawo yesibini (2) ngamanqaku angamashumi amahlanu (50).
IPirates isahleli kwindawo yesithathu (3) ngamanqaku angamashumi amane anethoba (49). La maqela mabini (2) asezakulwa kulemidlalo mibini ishiyekileyo elwela indawo yesibini (2).
IRichards Bay izincedile ngokuphumelela lomdlalo kuba ngoku banamanqaku angamashumi amabini anesixhenxe (27) kodwa basahleli kwindawo yeshumi elinesihlanu (15), yona iSwallows ilingana naMazulu ngamanqaku angamashumi amathathu anesibini (32) phambi komdlalo wabo neKaizer Chiefs.
Umqeqeshi weBhaka-bhaka uJose Riveiro, uvakalise ukuba akukho kugxekwa kubafana bakhe, uRiveiro utsho esithi iPirates yenze konke enakho kwaye akukho nto abangayanzanga. Ukhumbule ukuba iPirates yabethwa yiCape Town Spurs iqala ukuphumelela umdlalo weligi ngayo.
Ezinye iziphumo zebhola ekhatywayo kwiDSTVPremiership nebidlalwa namhlanje, iArrows ibambene ngenqaku macala (1-1) neChippa kowayo eDurban. ICape Town City yona idlale ngokulingana ngenqaku macala (1-1) neTS Galaxy.
By Siphiwo Boqwana

