16.3 C
King William's Town
Friday, April 25, 2025

Ibhanki yasePosini iqinisekisa ukufumaneka ngesibonelelo sikaSassa nangona amakhadi ephelelwe

Ibhanki yasePosini iphinde yathi abaxhamli begranti yakwaSassa bazakufumana izibonelelo zabo nangona ixesha lokuphelelwa kwamakhadi abo liphelile.

Abantu abaninzi abafumana isibonelelo sikarhulumente bebenexhala lokuba baseza kukwazi na ukufikelela kwiimali zabo ngokusebenzisa amakhadi aphelelwe lixesha.

Isithethi sebhanki yasePost uBongani Diako uthi eli khadi litsha liza kusungulwa ngenyanga yoKwindla kunye neenkcukacha zenkqubo yokutshintshwa kwamakhadi.

UDiako uthi akukho sizathu sakutatazela, uthi “singakuqinisekisa ukuba onke amakhadi eGolide akwaSASSA aphelelwe lixesha azakuqhuba esebenza ngo-2024 – kwaye abaxhamli bazakuqhuba befumana imali yabo kula makhadi aphelelwe lixesha.”

“I-Postbank kuphela kweziko eligunyazisiweyo ukuba litshintshe amakhadi akwa-Sassa kwaye sizakube siqhuba le nkqubo emva nje konyulo. Kodwa besifuna ukwazisa bonke abaxhamli ukuba ikhadi onalo esandleni sakho, nokuba liliphi na ixesha lokuphelelwa elibhaliweyo kuwo asaqhubeke nokusebenza. ”

UDiako ubongoza abo bafumana ikhadi labo elilahlekileyo okanye elibiweyo ukuba batyelele iposi ekufutshane ukuze bafumane elinye.

“Sifuna ukuqinisekisa bonke abaxhamli besibonelelo sikarhulumente ukuba niyakuhlala niyihlawula kwangexesha imali yenu yesibonelelo nyanga nenyanga kumakhadi egolide akwaSassa aphelelwe lixesha. Kungenjalo, sebenzisa nayiphi na i-atm yebhanki. Ibhanki yeposi iza kumisa ukuhlawulwa kwemali ezinkozo ngaphakathi kwee-ofisi zeposi kunye nee-CPP phakathi kukaJanuwari noMatshi ka-2024.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.3 ° C
16.3 °
16.3 °
91 %
1.8kmh
91 %
Fri
16 °
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks