17.2 C
King William's Town
Wednesday, July 17, 2024

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni indwendwele isikolo samabanga aphakamileyo eNgqushwa

Inkumbuso yephondo iMpuma Koloni, uOscar Lubabalo Mabuyane undwendwele kwisikolo samabanga aphezulu I Nathaniel Pamla kwilali iDabhani namhlanje, ephelekwe liSebe lezemfundo nooCeba bomasipala iNgqushwa.

Inkulumbuso yePhondo income indlela isikolo esiqhuba ngayo kwezemfundo ekwakhuthaza abafundi ukuba bazimisele, basinyamezele isikolo kuba singundoqo kwimpumelelo yabo.

Ubulele encoma ootitshala ngomsebenzi omhle abawenzayo kuba ngabo abaluleka behlohla imfundo kubafundi ngenjongo yokuba baphumelele, esithi asikho isizwe esinokukhula siphucuke ngaphandle kwemfundo.

Uhambise wathi Imfundo kweli phondo lilifa “Heritage” koko “bafundi qalani ngoku ukucwangcisa, nizonyuse ikawusi, nisebenze nizinikela nilungiselela impumelelo yenu kulo nyaka umiyo.

Utsho esithi impumelelo le ikhokhelwa yimbeko nentobeko esikolweni ngokunjalo nasemakhaya kuba ubomi nekamva labafundi lixhomekeke kubo.

Ubalumkise, ebayala ngelithi mabadlalele kude kwiziyobisi kuba azakhi mntu koko ziyasibulala isizwe.

Esi sikolo uthe uyasifaka phantsi kwephiko lakhe, kwaye ubume baso kufuneka buphuculwe kuba siqhuba kakuhle kwaye sinamanani aphezulu.

Inkulumbuso ibanqwenelele impumelelo nokuhle kodwa kwizifundo zalonyaka ka 2024.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
51 %
3.4kmh
100 %
Wed
17 °
Thu
24 °
Fri
20 °
Sat
16 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks