17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Ibhaqwe idunduluzile imizimba emibini eGqeberha, inguyise nonyana wakhe.

OONQAW’ AYIPHUZWA BABAMBE AMADODA ARHANELEKA EKUBULALENI ISIBINI EBESILAHLEKILE

Umnini wendawo yentselo oneminyaka engamashumi amathandathu anesibini ubudala kunye nendoda eneminyaka engamashumi amane anesithathu babanjiwe izolo, oku kulandela emveni kokuba kwenziwe uphando malunga nokulahleka kukaEdwin De vos nonyana wakhe uLeonardo De Vos.

Kutyholwa ukuba ngeCawa umhla wamashumi amabini kweyeThupha malunga nentsimbi yesixhenxe uEdwin De Vos oneminyaka engamashumi amane anesihlanu kunye nonyana wakhe uLeonardo De Vos oneminyaka elishumi elinethoba ababengabalungisi beemoto bagqityelwe ubonwa beshiya indlu yabo kunye nomfazi owayelungise isithuthi sakhe ngaphambili.

Ngolwesibini inkosikazi KaEdwin iyekwisikhululo samapolisa eGelvandale iyokuxela ukulahleka kwesisibini,ngelixa ekwesisikhululo amapolisa afumene ingxelo malunga nezidumbu ezimbini ezifunyelwe kwindlela yomhlaba kwindawo yamapolisa aseSwartkops. Kuqinisekisiwe ukuba lemizimba ifunyenweyo ngeyesisibini sakwaDe Vos kwaye omabini amaxhoba adutyulwe.

Ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyeThupha bafunyenwe abarhanelwa bavalelwa ngezityholo zokuxhwila nokubulala, izihlandlo ezibini. Umpu osemthethweni womntu wesifazane okwesisibini kunye neHundai Atos zithinjiwe.
Balindeleke ukuvela enkundleni kungekudala.

Umkhomishinala wesithili saseNelson Mandela Bay, uMaj Gen Vuyisile Ncata uncome uphando olukhawulezileyo olwenziwe ngabecuphi base Gelvandale abathe babamba ngokukhawuleza ababulali besisibini apho bathe bafunyanwa kuhola wendlela kufutshane nendlela iAddo emini ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyeThupha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks