27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

UMBUTHO ONGAJONGANGA NZUZO UZAMA KONKE OKUSEMANDLENI UKUPHELISA INXELE LIKAKHETSEKILE

UMBUTHO ONGAJONGANGA NZUZO UZAMA KONKE OKUSEMANDLENI UKUPHELISA INXELE LIKAKHETSEKILE

Iintsapho ezininzi kwilali yakwaTyutyu eBisho, zifumana amathuba ngolwezibini evekini ukuba zigcwalise ithumbu nanjengoko umbutho ongajonganga nzuzo I Ezamalawu community development wathi wagqiba kwelokuba uqale ukutyisa (soup kitchen) abantu bokuhlala nanjengoko uninzi lutsala nzima.

Amanina amahlanu uNonkuliso Nkululeko, Nobonisani Ngubombini, Ntombetsha tapile, Nozipho Kamana kunye noAnezwa Kameni bagqiba kwelokuba baseke lombutho ngonyaka ka2020 ngethuba ilizwe lalijongene nobhubhane wecovid 19. UNonkuliso Nkululeko uthe nangenxa yokubona ukuba abantu batsala nzima kakhulu kulelali baye bawuqala lombutho bamazisa noCeba wala wadi nowaye wabakhuthaza ebaxelela ngamagingxi ginxi abangadibana nabo kodwa kunani ukuba afake isandla noba kukanye kulembono intle.

“Ngumntu omnye owaza nalombono saqonda ukuba umhle kwaye asinongawuqali nokuba imeko injani savumelana saqala kwaye iimpepha zethu zokuba sibhalise sazifumana ngonyaka ka2022 oko thina sasiqhuba” la ngamazwi kaNobonisani Ngubomini. UNtombentsha Tapile ubalule ubunzima nanjengoko bepheka bengenankxaso ingenayo ukuba bathenge loonto ibangela ukuba bapheke kanye evekini, ukwabalule elokuba ukuba bangancedwa ngendawo yokufihla intloko xabephaka abantu banganethi noba kungendlu kuba ngoku basebenzisa amakhaya abo, ukwacacise elokuba iimbiza zokuphekela zishokoxekile kwaye ngalomzuzu ibingase babonelelwe noba kungokutya ukwenzela baqhube ukuphekela abo basweleyo bangayeki.

Lo kaTapile ugqibele esithi nezitulo abanazo kusekude kubo phambili kodwa oko babeqalile beqhuba ngomthandazo kwaye uThixo ubathwelwe. Esisihlanu sikhankanye elokuba ngamanye amaxesha baye bakhuphe iimpahla zabo bazixhome ecingwe ukwenzela abazidingayo bakhethe kuzo xa bezakuphakelwa.

UNtombizanele Tokwe oneminyaka engamashumi asixhenxe anethoba ubudala (79) uthe waqala ukuhamba pha oko kwaqalwa ukuphakwa ngaba basetyhini, “ndinabazukulwana bahlanu abasenamama kona ukupeya siyapeya sonke kodwa ayibonakali loomali, kaloku ndingumzali ndinawo namadodana amane ebamba amatorho eentsuku kodwa kubanzima” utshilo lo ka Tokwe esithi uyonwaba xa efika pha ngokuba ufikela ebantwini abangadikwayo ngabantu abantu abanobubele “ntatheli yenzani nani nixelele nabanye ingaheli lento yenziwa apha kunjanjoku ndingavuya ukuba bangaphaka umhla nezolo hayi kanye evekini ngooLwezibini kuphela” ugqibelise ngelithi uhlala kude kodwa uthi chuu kokuba ngulwesibini ayokuphakelwa afike ahlale phantsi alinde ngenxa yeminyaka.

Phakathi kwabo bingumfundi wesikolo samabanga aphakamileyo saseQonce IiST Thomas uLanga Banjwa nobencedisa ukuphaka ngenjongo zokunikela eluntwini ngokuthi ancedise lemibutho “kwiveki ephelileyo sinikwe amaphulo wokuba sibenokunceda kumakhaya ethu okanye ekuhlaleni, uthe umama wokundazisa ngalendima ndaza ke uzokuncedisa namhlanje umhla wamashumi amabini anesibini kule yeThupha kwaye ndobuyela eskolweni ndichulumancile ukubona uncumo ebusweni babantu abatsala nzima” utshilo okaBanjwa ngeligqibelisayo.

Ingxelo:Siya Sitofile

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks