IBhubhe kabuhlungu inkwenkwana eMpuma Kapa emva kokusela ityhefu engaziwayo efunyenwe emgqomeni.

Ubhubhe kabuhlungu umntwana okwishumi elivisayo emva kokuba esele ulwelo kwibhotile yesiselo awayifumana emgqomeni waze wasweleka emva kwemizuzu.

Ngokwengxelo yamapolisa aseMpuma Kapa, esi sehlo senzeke kwiveki ephelileyo kwaye sele kuvulwe uphando.

“Kutyholwa ukuba inkwenkwana eneminyaka elishumi elinesithathu ubudala kunye noyise wayo bebegqogqa iingxowa ezimnyama zenkunkuma befuna ukutya kwisitalato iZephyr, eBluewater Bay,” sitshilo isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge.

“Uyise walenkwenkwana ukwatyhola ukuba le nkwenkwe ifumene ibhotile yesiselo epholileyo enolwelo. Emva kokuba esele lo manzi waquleka wabhubhela kwindawo yexhwayelo.

“Idokethi lophando lavulwa kwaye liyaphandwa yiSAPS Swartkops.”

Uyise u-Alan Willard, kudliwanondlebe ne-Newzroom Afrika, uthe rhoqo ngoLwesibini yena nonyana wakhe uAlti baya eBluewater Bay ukuya kukhangela ukutya xa abantu bekhupha inkunkuma.

Uthe unyana wakhe ufumene ibhotile yesiselo epholileyo enamanzi, wasela.

“Wandinika ndamxelela ukuba hayi nyana ndamxelela ukuba mnba ndibawela iti. Andifuni kusela isiselo esibandayo.”

Uthe emva kokusela esi siselo, unyana wakhe waqala ukuhamba ngendlela eyahlukileyo, kwaye amehlo akhe evuleke kakhulu.

UWillard uthe wayecinga ukuba unyana uyaqhula njengoba eqhele ukwenza, kodwa wawa ezingalweni zakhe wabhubha.

UWillard uthi wakhwaza ke ecela uncedo lokumsa esibhedlele. Ukwathe ukhala qho ebusuku ngonyana wakhe.

Usapho luthi alusebenzi kwaye alunangeniso, luxhomekeke kububele babanye abantu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA