Abecuphi beSAPS Kwanobuhle bavule uphando malunga nokurhaxwa kwabantwana ababini ngoMvulo umhla wesithathu (03) kweyoMdumba 2025 kwidama eligcina amanzi kwindawo yakwanobuhle.
Kutyholwa ukuba ngezithuba zemizuzu elishumi elinesibhozo emveni kwentsimbi yesithandathu (18:30) uluntu lweva isikhalo sabantwana abaxhwalekileyo kwidama laseReservoir elikwikona ye-10th Avenue ne-1st Avenue kwaNobuhle, ekufikeni kwabo apho, uluntu lwafumana umntwana omnye oyinkwenkwe uIviwe Zakumba (3), uyise wafika wambalekisela kwisibhedlele sase-Laetitia Bam kodwa wasweleka ekufikeni kwakhe.
Intwazana eneminyaka esixhenxe (7), uBotwelethu Zakumba, kutyholwa ukuba ebengaphakathi kumngxuma osecaleni kwedama, nalapho kuthe kwalungiswa ixeshana, ze kwagcwala umngxuma ngamanzi. Abantywili be-SAPS baye babizelwa ukuzonceda, ze bawufumana umzimba wale ntwazana.

