INkongolo yeMibutho yabasebenzi boMzantsi Afrika (Cosatu) inethemba lokunyuswa kowona mvuzo uphantsi oza kuqala ukusebenza ukusukela kwinyanga ezayo.
Oku kuza emva kokuba uMphathiswa wezeNgqesho nezaBasebenzi uThulasi Nxesi ekhuphe kwigazethi yombuso wonyuso nge-8.5% kowona mvuzo uphantsi.
Iza kunyuka ukusuka kwi-R25. I-42 ukuya kwi-R27.58 ngeyure, kubandakanywa nabasebenzi basekhaya nabasezifama.
Ibambela lesithethi sikaZwelonke sikaCosatu uMatthew Parks uthi oku kuzakuxhamlisa abasebenzi kweli lizwe kwaye kukhulise uqoqosho.
UParks uthi, “Olo lulwando oluhle, kuba kuya kuthetha ukuba imali eyongezelelekileyo kwiipokotho zabasebenzi, ibancede bahlangabezane nokunyuka kwamaxabiso okuphila, nto leyo eye yabangela intlungu kwizigidi zeentsapho zabasebenzi.”
“Kuya kuthetha ukuba abo basebenzi banokuninzi ekufuneka befake kuqoqosho kwaye oko kuya kunceda ukuqhubela phambili uqoqosho kwinqanaba loluntu lwasekhaya. Le ngxaki yomvuzo, ngumzabalazo owahlukileyo kodwa inika umjikelo omncinane wokukhusela abasebenzi abangaphezu kwezigidi ezithandathu abafumana loo mvuzo.”

