Umbutho iDemocratic Alliance (DA) uziphumelele zontathu iiwadi ebezikhuphisana kunyulo lovalo sikhewu lwangoLwesithathu eBeaufort West kumbindi weKaroo, eNtshona Kapa.
IDA ikubize oku njengembali yokuphumelela, njengoko ibethelela umasipala olawulwa yiDA okokuqala ngqa kule dolophu.
Ngonyaka ka-2021, i-PA kaGayton Mackenzie yangena ukuze ifumane impumelelo encomekayo kuNyulo loRhulumente weNgingqi olukhokelele kumanyano lwangaphambili.
Ezi wadi zintathu kukutshiswano zavalwa emva kokurhoxa kooceba be-PA ababini kunye noceba omnye weANC.
IiDA iphumelele iiwadi 1, 2 kunye no-3 zeevoti ezingaphezulu kumyinge we-40%.
By Anita Qubula.

