Iqela laMakhosi libhengeze imidlalo ezakuyidlala kwinkampu yayo ese-Europe kwilizwe laseTurkey.
UNasredine Nabi nongumqeqeshi weKaizer Chiefs omtsha umanxadanxada encediswa liqela lakhe elitechnical nalapho kukho nabancedisi bakhe ababini(2) nomqeqeshi woonozinti, abahlalutyi nabanye kulungiselelwa isizini ezayo.
Sele iziveki ezimbini(2) iChiefs iseTurkey ngoku kodwa ingekadlali nomdlalo omnye(1) wokuzilolonga. Nangona eliqela lithe cwaka nemidlalo yobuhlobo oko yafika kwelalizwe kodwa kuyavakala ukuba sele bedlale imidlalo emibini(2) namaqela angaziwayo okwangoku.
Izolo uLwesine umhla weshumi elinesibhozo(18) kule yeKhala inyanga iChiefs ibhengeze ukuba izakudlala neqela elisanda kunyuselwa eQatar kwiQatar Stars ligi iAl Shahaniya SC.
IKaizer Chiefs izakuqubisana neAl Shahaniya SC ngomhla wamashumi amabini(20) kule inyanga sikuyo yeKhala ngomso uMgqibelo ezintsukwini.
Nanjengoko iqhubekeka namalungiselela ayo esizini ezayo eTurkey, kungoku nje izakube idlala umdlalo wayo wesithathu(3) wobuhlobo xa izakube iqubisene neAl Shahaniya e-Istanbul eTurkey ngomso.
Eliqela laseQatar lifumene ukonyuselwa emva kokuba ziinjinga zeligi esezantsi kwelalizwe.
IChiefs kulindeleke ukuba ibuyele eMzantsi Afrika kuleveki izayo nalapho izakuthathana neenjinga zeligi yaseTanzania IYoung Africans ngomhla wamashumi amabini anesibhozo(28) kule yeKhala inyanga kwindebe ezakube iqala ngqa yeToyota.
By Siphiwo Boqwana

