USekela Mongameli wegumbi loshishino kumaspala ombaxa waseNelson Mandela Bay uKalvin Naidoo uxhwilwe ngaphandle kwendawo asebenzela kuyo eLindsay Road eGqeberha ngentsasa yangoLwesihlanu umhla weshumi elinethoba (19) KweyeKhala.
Lengqonyela eneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51) ubudala ye-Auto X ibimise kwindawo yayo yokusebenza malunga nentsimbi yesithandathu (6) kusasa eKorsten, xa imoto yohlobo lwNissan NP200, engenazo iinombolo-pleyiti, ithe yangqubeka kwisithuthi sayo imnyanzela ukuba ame.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi kume enye iveni emva kwakhe kwaye abarhanelwa abahlanu bebenxibe iibhalaklava baphuma bakhupha uNaidoo kwiMercedes Benz yakhe.
Uthi abarhanelwa batyhalele uNaidoo kwesinye isithuthi babaleka kwindawo yexhwayelo.
Kubikwa ukuba iNissan NP200 yaqweqwediswa eMotherwell kwinyanga ephelileyo.
Unobangela wokuxhwilwa awukacaci okwangoku, kwaye uphando lusaqhuba.

