Ifikile intshatsheli neyimbethi manqindi yaseMonti eMdantsane

9 Septemba 2022

UMaspala ombaxa iBuffalo City izolo ebesamkela ngezishushu izandla unyana wabo noyintanda ngokuzingca, nobuye eyintshatsheli yehlabathi yeIBF entsha uSivenathi “Special One Nontshinga”

Lentshatsheli yaseMdantsane ibonakele ichulumancile lulwamkelo alifuneneyo eKhaya nanjengoko neSebe Lezemidlalo eMpuma Koloni lithembise ngokuyixhasa lentshatsheli de iyokuphumelela kudidi oluphezulu.

Lomsitho umfutshane ubuzinyaswe nguMphathiswa kwiSebe lezeMidlalo uBugcisa neNkcubeko uNonceba Khontsiwe kwakunye noSekela Sodolophu weBCM uCllr Princess Faku. Esisigqeba besiyokwamkela intshatsheli yabo kwisikhululo senqwelo-ntaka iKingPhalo eMonti izolo.

Emva koko kuye kwabanjwa umsitho wokumamkela kukho nabalandeli bamanqindi kunye nooCeba baseBaffalo City Metro.

Usekela Sodolophu weSigqeba uCllr Faku, uzincomile iinzame zikaNontshinga ngokubeka isiXeko kwindawo ephezulu kwaye nangokuba yinkuthazo kulutsha ousakhulayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA