Yiyeke ukuyisebenzisa okanye uyibuyisele apho ubuyithenga khona

Ikomishoni yeSizwe yabathengi ibongoza bonke abantu abathenge imveliso yomgubo wabantwana yakwaPurity, ukuba bawuyeke ngokukhawuleza ukuwusebenzisa kwaye bawubuyisele kwiindawo abawuthenge kuzo.

UMkomishinala obambeleyo uMabuza uthe uTiger Brands nongumthengisi wemveliso, wazise iKomishoni ngokukhunjuzwa ko khuseleko lwalomgubo ngenxa yomkhondo ofunyenwe kwiisampuli zovavanyo kumgubo we(Talc) wodidi lwamayeza.

Ngokutsho kweTiger Brands, lo mgubo weTalc sisixhobo esisetyenziswa ekuveliseni umgubo woSana. Nangona kungekho nzakalo kulo mgubo kodwa kuyacelwa ukuba abathengi bawuyeke ngokukhawuleza ukuwusebenzisa bawubuyisele kwiindawo ebebewuthenga kuzo ze bazokufumana ne mbuyekezo yabo yemali iphelele.

Ezimveliso zasasazwa kuzwe lonke nakula Mazwe alandelayo, e Mozambique, Zimbabwe, Zambia, DRC, Seychelles, St Helena, United Kingdom, Botswana, Namibia, Lesotho, Eswatini, Ireland, New Zealand.
I NCC ifuna ukuba aba boneleli bagcine umngangatho ophezulu woku khusela abathengi ngokuhlola ezi mveliso ngaphambi kokuba zihanjiswe kwii Marike. Ukuhlolwa kwalo mgubo kuzakunceda ukunqanda iimpazamo, ukukhuselwa kwaba thengi yeyona nto iphambili kule Komishoni, ke ngoko besitsho besithi bakhumbuza aba boneleli kunye nee nkonzo ukuba nabo banoxanduva lokubeka phambili ukhuseleko labathengi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA