Ifunyenwe isindwa zii(metre) zamanzi indoda ezibe eMakhanda

Amapolisa aseRhini okanye iMakhanda abambe indoda ethile eneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala, nebanjwelwe ukufunyanwa inebhegi enemitha zamanzi ezilishumi elinesine (14) eMakhanda namhlanje.

NgoLwesibini umhla wamashumi amabini anesine kulenyanga kaFeb 2026, malunga nentsimbi yeshumi kusasa, amalungu eCandelo loThintelo loLwaphulo-mthetho eMakhanda kunye neYunithi ejongene noLwaphulo-mthetho , bebesenza ugqogqo kwisitalato iFroude, eMakhanda, ngethuba eqaphela indoda ekrokrisayo iphethe ibhegi enzima.

Kutyholwa ukuba ekufikeni kwale ndoda amapolisa amcela ukuba avule ibhegi ze emva koko afumana iimitha zamanzi ezonakalisiweyo.

Uphando lokuqala ludize ukuba enye yeemitha zamanzi ezonakalisiweyo yabiwa kwindawo yokuhlala ekufutshane. Le ndoda ke iye yabekwa ityala lokonakalisa iziseko ezingundoqo kwaye uza kuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseMakhanda kungekudala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA