Iinzame zomphando lwenkonzo yesiPolisa siyancomeka, emva kokuba indoda eneminyaka elishumi elinesithathu(30) ubudala egama linguSibusiso Muteni (30) ithe yagwetywa ubomi entolongweni ngokubulala intombi yakhe (32) uThenjiwe Zuma kunye nomntwana wabo owayengekazalwa.
Oku kulandela emva kwesiganeko esenzeke ngomhla wamashumi amathathu kweyeDwarha ngo2023 kwindawo yaseBuitendag, eBurgersdorp, apho esi sibini sasihlala khona.
Ngelo xesha, umfi wayeneenyanga ezintlanu ekhulelwe umntwana walendoda awayethandana nayo. Umtyholwa ke waze ngenxa yesikhwele wathatha isigqibo sokuba axabele abulale iqabane lakhe.
Ngethuba engaphakathi endlini uSibusiso wazixhobisa ngezembe ze emva koko waxabela kaninzi kumfikazi.Ngelishwa wabhubhela kwindawo yexhwayelo kuquka nolosana belungekazalwa.
Uphando lwanikezelwa kuSajini uLeon Sterling wase Burgersdorp othe ngokuzinikela kwakhe kwakhokelela ekutshutshisweni okuyimpumelelo kunye nokuwiswa kwesigwebo sobomi kumhtyolwa yinkundla kamantyi yase-Aliwal North.

