Owayesakuba ligqwetha laseGqeberha, ekutyholwa ukuba webe izigidi zabantu abakhubazekileyo, uphinde wabanjwa ngooKhetshe ngoLwesibini.
UShaun Masimla, owakhutshwa kuluhlu lwamagqwetha ngo-2021 ngenxa yetyala awayelichophele, wazibona sele esedokisini kwakhona, ngesityholo esingadibananga naye.
Kweli ityeli, urhulumente utyhola ukuba webe imali engaphaya kwamakhulu amathandathu eerandi (R600 000) kumhlolokazi awathi wammela ngempumelelo ngeBango leNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (RAF) ngo2018.
Ngokwengxelo yetyala, umyeni kaSindiwe Mdutyana, uZingisa, wabhubha kwingozi yemoto ngomhla wokuqala kweyeKhala ngo2010.
Igqwetha lakhe ngeloxesha uMasimla wammela ngeyeThupha ka-2014.
Ngomhla we-10 kweyoMqungu 2018, iRAF yahlawula imali engaphaya kwe-R657 000 kwi-akhawunti yomtyholwa, kodwa kutyholwa ukuba wahlawula kuphela i-R80 000 kummangali.
Kutyholwa ukuba bekushiyeke i-R660 kuphela yemali yombangi kwiakhawunti yakhe ngoMeyi ka2018.
NgoNovemba ka-2021 iLegal Practice Council’s Fidelity Fund yahlawula imali engaphaya kwama-R540 000 kummangali ukuze imbuyekeze ngelahleko awayifumanayo yena nabantwana bakhe ezandleni zommangalelwa.
Ngethuba evela kwinkundla yamatyala eGqeberha, uMasimla uthi unoloyiko lokuba ubomi bakhe buzakuba semngciphekweni, ukuba angavalelwa kwiziko lezoluleko iSt Albans.
NgokukaMasimla usebenze njengegqwetha iminyaka engaphaya kwamashumi amabini kwaye ebekhe wajongana nemicimbi yolwaphulo-mthetho emininzi ngexesha lakhe.
Ityala lihlehliselwe umhla weshumi kwinyanga yeNkanga ukuze kuqhutywe isicelo sebheyile ngokusesikweni.
UMasimla ebengaphandle ngebheyile kwityala langaphambili ebelisalindelwe ngethuba etyholwa ngokwenza ityala lesibini.
Kwityala elisamisiweyo, eliphambi kweNkundla ejongene noLwaphulo-mthetho lwezoRhwebo, urhulumente utyhola ukuba uMasimla webe malunga ne-R2.5 yezigidi zeerandi kwindoda eyayife umzimba kulandela ingozi yemoto.