USodolophu olawulayo kwisigqeba somaspala waseNgqushwa uSanga Maneli nesigqeba sakhe, ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibini (12) kuTshazimpunzi banikele ngezakhiwo ezilishumi elinesixhenxe (17) ezitsha kraca zokuthengisela abarhwebi abangekho mthethweni kwakunye ne-ofisi yeezithuthi zikawonke-wonke kwi renki yaseNgqushwa.
Kwintetho yakhe uManeli udakance ukuba leprojekthi ize ukuze ibuyisele isidima somntu ontsundu, ingakumbi kwabathengisa ezitalatweni. Uthe olu phuhliso luthetha ukuba akuko simo sezulu okanye akukho xesha lonyaka elizakuthintela abarhwebi ukuba bangazithengisi izinto zabo.
UManeli uthi isixeko saseNgqushwa sinabarhwebi abangekho mthethweni abafikelela kwi khulu kwaye uninzi lwabo ngabasetyhini, esithi ke bengulomaspala bakwiphulo lokuba bonke baxhamle.
“Lena yiprojekthi esentliziyweni kamasipala waseNgqushwa ngoba sazi abantu abaphumeleleyo, iiNkokheli kwakunye nezinxiba-mxhaka ezifundiswe ngabarhwebi abangekho mthethweni. Sazi ntonye okokuba kukhona abantwana neentsapho ezingalali zingatyanga ngenxa yababarhwebi” utshilo uManeli.
USodolophu uthe kwintetha yakhe, ngaphambili babenze izithembiso zokwakha zebanikezele ngezindlu zokurhwebela, kodwa ngoku baphawule ntonye yokuba ezi zindlu ziqaqambise idolophu yaseNgqushwa nanjengoko zimiliselwe ngakuhola wendlela uN2 xa usiya eQonce okanye eMakhanda.
Omnye wabaxhamli uThembelani Hanisa uthe uchulumance ngendlela emangalisayo ngokuba kudala benethwa ziimvula okanye batshe ngamalanga. Esithi leyo yinto yayizolo. Esithi nosapho lwakhe luvuya kakhulu.
“Ngoku asizolindamvula nalanga, mna bendisebenzisa iseyile ukuzikhusela, bendihlekwa kusithiwa ndenza ibhoma edolophini. Ngoku mna ndikhululekile. Kubo bonke oosodolophu aba bekhe bakhona ngaphambili, uManeli ndimthulela umnqwazi” uvale ngelitshoyo uHanisa



