Esi sibini, esineminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) namashumi amathathu anethoba (39) ubudala, siye sadutyulwa ngethuba singena kwikhaya laso eKerk Street, eFairview eBarkly East nalapho sisinde kwisiganeko sokudubula, utshilo osisithethi samapolisa eMpuma Koloni uColonel Priscilla Naidu.
“Kurhaneleka ukuba kanye phambi kwentsimbi yesixhenxe ebusuku, esi sibini safika kwindawo esihlala kuyo kwaye ngethuba bemisa esangweni, amadoda amabini asondela kwisithuthi aza adubula izihlandlo ezininzi kwicala lomqhubi,” utshilo uNaidu.
“Le ndoda inenxeba lokudutyulwa izihlandlo ezininzi ngelixa inkosikazi yayo ifumane inxeba lembumbulu esinqeni. Baye basiwa esibhedlele ukuze bafumane unyango.”
Uthe kwiiyure emva kwesi sehlo amapolisa abambe abantu abathathu abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) ukuya kumashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala.
“Amadoda amabini aye akhululwa ngelixa umntu wesithathu, oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36), ebekwe ityala lokuzama ukubulala.”
UNaidu uthe kurhaneleka ukuba isizathu sinxulumene neeteksi.
UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene ubongoze uluntu kunye nabani na onolwazi malunga nesi sehlo ukuba eze ngaphambili azokuncedisa kuphando oluqhubekayo.
Siyakholwa Vuso

