By Nyameka Lamani.
INkundla yeNgingqi yaseNxuba eMpuma Koloni igwebe uAphiwe Hani oneminyaka engamashumi mathathu ananye (31), iminyaka engamashumi amabini ethothoza entolongweni ngokuzama ukubulala intombi yakhe. Uhlaselo olumasikizi lwenzeke ngentseni yomhla weshumi elinesine (14) kweyeDwarha 2024 emva kokuchitha ubusuku eSydwel’s Tavern ngakwiBala iEluxolweni, eLingelihle. Esi sibini besincokola ngethuba ixhoba ladibana nomzala walo lamcela ukuba ahambe naye agoduke.
Bathe xa besondela endlwini yakhe, uHani wagagana nabo, ebatyhola ngokuhamba ngaphandle kwakhe. Kwaqhambuka ukruthakruthwano phakathi kukaHani nomzala wakhe, kwade kwafikelela kumlo phakathi kwabo, nto leyo eyabangela le ntombi ikwazi ukuphuncuka ibaleke.
Emva kwaloo ngxwabangxwaba, lo mfazi waqhubeka ehamba yedwa egoduka. UHani wamlandela, waze ngaphandle kwesilumkiso, wamhlasela ngasemva, emhlaba izihlandlo ezininzi.
Ekuqaleni, le ntombi ibicinga ukuba iyabethwa, wabuqonda ubunzulu bohlaselo kuphela xa esiva igazi waza wakhala esithi: “Aphiwe, uyandibulala!” Umzala wakhe owayesele eqalisile ukuhamba weva isikhalo sakhe wakhawuleza wabuya. UHani uthe akubona ukuba kukho umntu ozayo, wabaleka, kuthwa iAmbulensi eyayihamba kuhola wendlela uN10 ekwazanywa ukuba imiswe ayizange ime. Kwimeko ebingalindelekanga uHani uthe gqi kulo ambulensi inye, esithi naye uhlatyiwe.
Ixhoba liye labalekiselwa esibhedlele, nalapho lachitha iintsuku eziliqela lifumana unyango lomonzakalo obeka ubomi bakhe esichengeni. Kamva walivula ityala, waze uHani wabanjwa ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kweyeDwarha 2024.
Ibheyile yachaswa ngempumelelo, kwaye wahlala eluvalelweni lonke elo tyala. Nangona elikhanyela ityala, waxoka esithi akayazi ukuba ngubani ohlabe ummangali.
Ngexesha lokugweba, uMtshutshisi weNkundla yeNgingqi uMakabongwe Seyibokwe uqaqambise inkohlakalo yohlaselo, ukungcatshwa kwentembeko kubudlelwane obusondeleyo, kunye nokuba sesichengeni kommangali. Uveze ukuba inkundla kufuneka iwise isigwebo sobomi entolongweni.
Nangona ivuma ukuba umaphuli-mthetho ufanele ukuvalelwa entolongweni ubomi bakhe bonke, inkundla yafumanisa iimeko ezibambekayo nezinyanzelisayo zokuwisa isigwebo esingaphantsi, kuquka isimo somtyholwa njengesaphuli-mthetho sokuqala, iminyaka yakhe, nethuba lokubuyiselwa kwisidima sakhe.
UHani ugwetywe iminyaka engamashumi amabini (20) ethothoza entolongweni kwaye kwathiwa akafanelekanga ukuba nompu.
Esamkela esi sigwebo, uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uMnumzana Barry Madolo, uthe: “Esi sigwebo sithumela umyalezo ongqongqo wokuba ubundlobongela obusekelwe kwisini ingakumbi kubudlelwane obusondeleyo abusokuze bunyamezeleke. njengempendulo ekhawulezileyo yomzala wakhe kunye neenkonzo zonyango.”

