Igwetywe iminyaka elishumi indoda ngenxa yokunyhasha imiYalelo Yokhuseleko (10).

By Esona Magawana.

INkundla yeNgingqi yaseBedford, eMpuma Koloni imgwebe iminyaka elishumi (10) entolongweni uLusizo Manjo oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) kulandela ukugwetywa kwakhe ngezityholo zoqhekezo enenjongo yokulimaza, ukubetha ngenjongo yokwenzakalisa umzimba (GBH), kunye nokusilela ukuthobela umyalelo wenkundla wasekhaya.

Ezi zityholo zisusela kwisiganeko sobundlobongela esenzeka ngomhla wamashumi amabini (20) KweyoMsintsi 2024, kwiintsuku nje ezintathu emva kokuba uManjo ekhululwe ngengqawule.

Ngobusuku besiganeko, ummangali onamashumi amane (40) eminyaka ubudala, nowayesakuba liqabane elisondeleyo likaManjo, wayelele nosapho lwakhe ePhola Park. Kungekudala emva kwentsimbi yeshumi elinanye (23h00), wavuka waya kuzikhulula kwigumbi elahlukileyo, apho wothuka emveni kokufumana owayesakuba liqabane lakhe emi emva kwakhe. Wamcela ukuba ahambe naye, kodwa wathi xa ekhala engavumi, bonke abantu bekhaya bavuka.

Ebuzwa nguyise wommangali ngendlela angene ngayo endlwini, uManjo waxoka wathi kukho umntwana ovule ucango, nangona umntwana ebelele esofeni. Emva kwezicelo eziphindaphindiweyo zokuba ahambe, uManjo wala waza endaweni yoko wakhupha imela, wahlaba ummangali engalweni yakhe. Uyise wommangali wambetha ngentonga, emnyanzela ukuba ahambe. Wahamba uManjo kodwa waphinda wabuya wagibisela ngamatye indlu, eqhekeza zonke iifestile.

Ngentsasa elandelayo, ummangali wayokuxela emapoliseni. UManjo uphinde waziveza kwisikhululo samapolisa, esithi uhlaselwe nguyise wommangali. Wabanjwa kwiintsuku ezintlanu emva koko ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyoMsintsi 2024, kwaye ingqawule yakhe yarhoxiswa. Ebudeni betyala umtshutshisi weNkundla yeNqila uDandolo Maxhaulana ukhokele ubungqina bommangali, uyise, ingxelo kagqirha iJ88, kunye nobungqina bomyalelo wokhuselo lukaManjo. INkundla yeva ukuba uManjo unembali ende yobundlobongela nokoyikisa ummangali omnye.

Kuthe kwekaCanzibe ka-2023, wagwetywa enetyala lokwaphula umyalelo wokhuseleko waza wagwetywa intlawulo yamawaka amathathu (R3,000) okanye iinyanga ezintandathu entolongweni, yaxhonywa ngokupheleleyo. KweyoKwindla ka-2024, wagwetywa amanye amatyala amabini okutyeshela umyalelo wokhuseleko, wafumana isigwebo esithe ngqo seenyanga ezingamashumi amabini anesine (24) ngetyala elinye kunye nesigwebo esixhonyiweyo seenyanga ezintandathu kwesesibini, kwaye irekhodi lakhe lolwaphulo-mthetho likwabandakanya ukufunyanwa enetyala lokufunyanwa neziyobisi ngo-2010, nalapho wafumana isohlwayo samakhul’amabin’anamashum’amahlanu (R150) eerandi okanye iintsuku ezilishumi elinesihlanu (15) entolongweni.

Ekuziphenduleleni kwakhe, uManjo utyhola ngelithi yena nommangali bebesoloko benxibelelana ngexesha eseluvalelweni, esithi wambiza esentolongweni. Xa iwisa isigwebo, inkundla yambeka iminyaka entolongweni ngenxa yokuqhekeza indlu ngenjongo yokubetha, iminyaka elishumi (10) yokubetha ngenjongo zokwenzakalisa (GBH), kunye neminyaka elishumi (10) ngokwaphula umyalelo wokhuseleko.

Izigwebo kumatyala amabini okuqala ayalelwe ukuba aqhutywe ngaxeshanye nelesithathu, nto leyo ebangele ukuba kubanjwe iminyaka elishumi (10) entolongweni ngokuthe ngqo. INkundla ikwavakalise ukuba akafanelekanga ukuba nompu.

Esamkela iziphumo, uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uMnu Barry Madolo, uncome umtshutshisi kunye nabaphandi ngokuzinikela ekulweni ubundlobongela obusekelwe kwisini. Uthe: “Esi sigwebo siqinisekisa indima yenkqubo yezobulungisa ekukhuseleni abasetyhini kubaphuli-mthetho abaphinda-phindayo ababonisa ukungahoywa ngokuphandle kwemiyalelo yenkundla kunye nokhuseleko nesidima sabanye.

Siyakwamkela ukuma okuqinileyo kwenkundla kwaye siyathemba ukuba ithumela umyalezo ocacileyo wokuba ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini abuyi kunyanyezelwa kuluntu lwethu, kunye nokukhuselwa okubafaneleyo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA