13.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

Igwetywe iminyaka engama-30 ngokudlwengula nokumfamekisa umntwana okwishumi elivisayo indoda kwinkundla yase Ntabankulu

Inkundla ephakamileyo yaseMpuma Koloni ehleli eNtabankulu igwebe indoda enamashumi amabini anesithathu (23) iminyaka engamashumi amathathu ethothoza entolongweni ngokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesithandathu.

Inkundla ikwave ukuba uVelisani Mngani wamkhupha amehlo ixhoba, walishiya liyimfama ngokusisigxina.

UMngani ukwanikwe isigwebo seminyaka elishumi elinesithathu ngokuphanga, iminyaka esibhozo ngelokuzama ukubulala kunye neminyaka emihlanu ngokuxhwila.

Zonke izigwebo ziya kuqhutywa ngaxeshanye iminyaka engama-30 yodlwengulo.

Isithethi segunyabantu lezotshutshiso i NPA uLuxulo Tyali uthi uMngani ungene kwisivumelwano sokucela isigwebo nombuso.

Kwingcaciso yakhe, uvumile ukuba ngomhla weshumi elinesihlanu kuTshazimpuzi ka-2022 wayehamba kwihlathi kwindawo yaseCabazana EmaXesibeni, eyayifudula iyiMount Ayliff, xa wabona lo mntwana wesikolo ehamba yedwa.

Wamlalela, wamrhuqela ehlathini waza wambetha ngokuphindaphindiweyo.

“Ixhoba lazilwela, lambetha emzimbeni kodwa waloyisa,” utshilo uTyali.

“Emva kokuba emdlwengulile uMngani uthi ugqibe kwelokuba ambulale ngenjongo yokuba angachazwa nanjengoko ephuma kwindawo enye, wamkrwitsha ngezandla wasebenzisa into ebuthuntu wamhlaba wamkhupha amehlo wamshiya ecinga ukuba ufile.

Ityala liye lamiswa amatyeli aliqela, kuba uMngani kwafuneka asiwe kuxilongo lwengqondo noluthi lwaqinisekisa ukuba ukulungele ukuchophela ityala kwaye unokubuxabisa ubugwenxa bezenzo zakhe.

Exoxa ngesigwebo esifanelekileyo, igqwetha likarhulumente uChumile Mkentane uthe ngoku ixhoba belixhomekeke kuncedo oluvela kusapho lwalo phantse kuyo yonke into kwaye kunyanzeleke ukuba lisiwe kwisikolo sabantu abakhubazekileyo ePitoli.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo uncome umtshutshisi kunye negqiza eliphandayo ngokuqinisekisa ukuba ubulungisa bubonwa busenziwa kwabo babuthathaka nabangakwaziyo ukuzikhusela eluntwini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
13.6 ° C
13.6 °
13.6 °
89 %
2kmh
20 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
28 °
Sun
24 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks