Kubhubhe amadoda amane ngokudutyulwa Kwadwesi eNelson Mandela Bay

Amapolisa aphanda ngokudutyulwa kwabantu abane imizimba yabo efunyenwe kwityotyombe elingasemva kwindlu eKwadwesi eGqeberha.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu, uthi oku kubhaqwe ngoMvulo kwisitalato iSikhundla.

Uthe umntu wesihlanu, obesandula ukuziswa ngumhlobo wakhe kwenye indlu kwa kwesisitrato sinye ngethuba besiva izithonga zemipu, naye wenzakala kukudubula okwahlukileyo.

UNaidu uthi le ndoda yenzakeleyo ibalekiselwe esibhedlele inamanxeba embumbulu engalweni nasesifubeni emva kokuba amadoda amabini engene ngenkani endlwini yakhe.

Kusenjalo, kufunyenwe imizimba yamadoda amathathu kunye nowasetyhini kwityotyombe elingasemva kwenye indlu nakwisitalato iSikhundla.

UNaidu uthi amaxhoba aphakathi kweminyaka elishumi elinesithoba ukuya kumashumi amabini anesine ubudala, kwaye onke anamanxeba okudutyulwa.

Amagama abo aya kukhutshwa emva kokuba kwenziwe izazisi ezisemthethweni.

Amapolisa athi abarhanelwa kukholelwa ukuba bayabandakanyeka kuzo zozibini ezi ziganeko, lo gama unobangela wokudutyulwa kwabantu, awukaziwa.

Kucelwa nabani na onokuthi ancedise ngalo naluphi na ulwazi malunga nabarhanelwa atsalele umnxeba uD/Capt Monde Sitole ku-082 457 2812 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA