By Onesipho Gwanisheni.
INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Koloni, eGqeberha, igwebe ilungu leqela lemigulukudu u-Andile Nyoka (26) ubomi entolongweni kunye neminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe (67) ngokubulala ngokungenalusini ipolisa uMario Angelique Nel (42), ngokomyalelo wenkundla kaMantyi yaseMotherwell.
UNyoka ufunyenwe enetyala kumatyala alishumi, aquka ukubulala, ukuxhwila, ukuzama ukubulala, nokuba nompu neembumbulu ngokungekho mthethweni. Inkundla iye yayalela ukuba uNyoka agwetywe ubuncinci iminyaka engamashumi amathathu (30) yesigwebo sobomi ejele, kunye neminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe (67) eyongezelelekileyo ngokulandelelana.
Ngomhla wesithathu (3) kuCanzibe ka-2023, uSajini Nel wayesemsebenzini enxibe iyunifomu epheleleyo xa uNyoka wamhlasela ngasemva, ehlutha umpu wakhe. Kwabakho uxambuliswano olwakhokelela ekubeni uSajini Nel adutyulwe entloko njengoko kuchazwa nguJaji uFungile Dotwana, ze uNyoka wabaleka nalo mpu.
UNyoka emva koko waqweqwedisa iteksi yohlobo lweToyota Quantum kwisitalato iSisulu, NU29, Motherwell, malunga nemizuzu engamashumi amabini emveni kwenstimbi yeshumi (10:20.). Kutyholwa ukuba wagrogrisa umqhubi ngenkani ukuba makasiwe eKorsten, ngelixa ebambe abasetyhini ababini ababekhwele eteksini. Umqhubi weteksi wathobela, eqhuba phantsi kwesitalato iSisulu de wayibona iveni yamapolisa. Esoyikela ubomi bakhe, umqhubi watsiba waphuma waza wabalekela kwiveni yamapolisa efuna uncedo.
Iteksi isahamba yangqubana nepali yombane. Watsho ephuma ngefestile uNyoka wadubula amapolisa amabini kunye nonoteksi. La mapolisa aziphindezela adubula, onzakalisa uNyoka. Emva kokuba edutyulwe, wasiwa kwisibhedlele saseLivingstone ukuze afumane unyango.
Kwingxelo yenkosikazi kaSajini Nel, inkosikazi kaSajini Nel ongasekhoyo wavakalisa intlungu yakhe enzulu nosizi. Wadiza ukuba wayesiya kuzo zonke iinkundla zamatyala, ukusuka kwiNkundla yaseMotherwell ukuya kwiNkundla ePhakamileyo, efuna iimpendulo. Kulo lonke eli xesha lobunzima, uye waqaphela ukuba uNyoka akazange alisebenzise ithuba lokucela uxolo kuye nakusapho lwakhe ngetyala lakhe. Kunoko, wabonakalisa ukungazisoli ngendlela ephazamisayo.
U-Advocate uDail Andrews usebenzele ukuba uNyoka afumane isigwebo esiqatha, egxininisa ubundlavini bolwaphulo-mthetho kunye nefuthe labo elimandla eluntwini. Uqhube wathi ukubulawa kukaSajini Nel ibingesiso isinyanzelo kuphela koko ibikwaluhlaselo oluthe ngqo eluntwini, lijongela phantsi ukuthenjwa komthetho kunye nokhuseleko lwabemi. U-Andrews uye wasebenzisa ubungqina be-forensic kunye ne-ballistic, kunye nobungqina obuvela kumangqina aseburhulumenteni angamashumi amabini anesibini (22), ukwakha ityala eliqinileyo nxamnye noNyoka, owawaphikayo onke amatyala.
UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uMnumzana Barry Madolo, ukuqinisekisile ukuzibophelela kweofisi yakhe ekuqhubeni ngamandla amatyala ajongene naloo magosa ogcino-mthetho. Esi sikhundla sijolise ekuthinteleni abanokuba ngababulali, ukuqinisekisa ubulungisa kwiintsapho zamaxhoba, kunye nokukhusela amagosa abeka ubomi bawo emngciphekweni ekhusela uluntu.
Esi sigwebo sigxininisa ukubaluleka kobomi bomntu kwaye sisebenza njengesikhumbuzo esinamandla sokuba okusesikweni kuya kwenziwa.

