By Anita Qubula.
Usapho lukaKhwezi Jantjies oneminyaka emithandathu (6) ubudala waseLutzville kuNxweme oluseNtshona lufuna ubulungisa emva kokuba umfama uChristoffel Stoman etshayise le nkwenkwana, yophuka yomibini imilenze ngoLwesihlanu weveki ephelileyo eyityhola ngokuba iorenji kwifama yakhe.
Amatshantliziyo asekuhlaleni athi azakuqhankqalaza xa uStoman efaka isicelo sebheyile ngoMvulo. Babanga ukuba akaqali ukwenza ulwaphulo-mthetho olunje.
UMagdalena Jantjies onguMama wale nkwenkwana uthi ubulela unyana wakhe okuphela kwakhe esaphila emva kokutshayiswa. UMagdalena ubanga ukuba zange wanobudlelwane ngaphambili kunye nomfama kwaye nasemva kwesehlo, uStoman oneminyaka engamashumi asixhenxe (70) ubudala akakhange abonakalise kuzisola kwaye akakhange abanike noncedo.

