By Masibulele Mzomba
INkosi Masibonge Magodla oneminyaka engamashumi amathathu nantlanu (35) ugwetywe ubomi entolongweni yinkundla yengingqi yakuTsomo, oku kuza emveni kokuba efunyenwe enetyala lokubulala ixhego ewayelityhola ngokumthakatha.
Umfi onamashumi asithoba anesine (94) ubudala ubhaqwe kwikhaya lakhe kuLawulo laseMagodla kwisithili saseNgqamakhwe egcwele igazi ngumzukulwana wakhe oneminyaka emihlanu ubudala, owathi walumkisa intombi kamfi eyayisandula ukubuya emngcwabeni ngomhla weshumi elinethoba (19) kuTshazimpuzi ka-2022.
Ngexesha lokubhaqwa, akukho mntu wayenofifi lokuba ngubani owenze eli tyala kuba lenzeka emini xa uninzi lwabantu belali beye emngcwabeni kwakule lali.
Ngelixa amalungu asekuhlaleni ayehlangene kwikhaya lomfi, elindele amapolisa kunye nabachaphazelekayo, umfana wale lali waya kwelinye ilungu losapho ze wadiza ukuba ngentseni yaloo mini iNkosi uMagodla wadibana naye nabanye abafana bale ngingqi ukuba bamncedise ekubulaleni ixhego kuba lalikrwitsha inkosi ebuthongweni.
Lo mfana waphinda wadiza amagama amadoda awayekho ngethuba iNduna isenza esi sicelo kubo, kwaye bayingqina intsingiselo yayo. Uphando luye lwaqhutywa kwaye ngexesha lophando iimpahla ezazinxitywe yinkosi uMagodla eyayirhanelwa ngalo mhla kuthethwa ngawo zathathwa ukuze kuhlalutywe iDNA. Iziphumo zabuya zingqina ukuba igazi likamfi libhaqwe kwizihlangu zakhe nakwibhatyi ebeyinxibile.
Njengoko iziphumo zelebhu zinxulumanisa uNkosi uMagodla kweli tyala kunye neengxelo zamangqina abekwe kwindawo yesiganeko solwaphulo-mthetho ngesixhobo, amapolisa aye ambamba, ze urhulumente wayichasa ngempumelelo ibheyile.
Umtshutshisi wenkundla yenqila uTando Ndzube uye wakhokela ubungqina bamangqina asibhozo kwaye wanikezela ngengxelo yokuhlolwa kwesidumbu kunye nengxelo yohlalutyo lweDNA. Abahlanu kwabo basibhozo bangqinayo ngabafana ababeze kubo ukuze babulale. Bayixelele inkundla ukuba umtyholwa wayenomsindo njani xa bengafuni ukwenza isicelo sakhe kwaye ebaxelela ukuba uza kuyenza ngokwakhe.
Amangqina ombuso amabini kwasibhozo angamalungu osapho lomfi adize ukuba umtyholwa njengenkosi yemveli wabacebisa ukuba bangalindeli amapolisa koko babize inqwelo yabangcwabi.
UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uncome abafana abanganeli nje ukwala ukwenza eli tyala ngokomyalelo wenkosi kodwa bancedisa ekusombululeni eli tyala baze baba ngamangqina ombuso.
I-NPA mihla le itshutshisa amakhulukhulu emicimbi elolu hlobo echaphazela ukhuseleko nentlalo-ntle yoluntu lwethu kwaye iqinisekise ubulungisa kumaxhoba olwaphulo-mthetho, ngakumbi abantu abadala abasesichengeni abazifumana bengamaxhoba abo basebenzisa igunya, abafana noNkosi uMagodla.