INtabozuko ilungiselela ukwamkela iindwendwe zosuku lolonwabo olungenakuthelekiswa nanto, apho uchulumanco lomdyarho wamahashe luya kudibana nobuhle belizwe lefashoni.
Umsitho woMdyarho wamaHashe iBerlin November, yenye yeyona misitho ilindelweyo kulo mmandla weMpuma Kapa, kwiveki ephelileyo iqalise amalungiselelo ayo ngokuthi batyhile umxholo wefashoni walo nyaka.
Lo msitho ububanjelwe eNtabozuko (Berlin), idolophu engaphandle nje kancinci kwaseMonti, udibanise ubunewunewu befashoni yodidi oluphezulu nochulumanco lwemidlalo yamahashe. Lo mnyhadala uzakubhiyozelwa kwinyanga yeNkanga ka-2024.
Ukutyhilwa komxholo wefashoni ibingeyiyo yodwa into ebiququzelwa kulo msitho kodwa nendima emayidlalwe ekubumbeni lo msitho. Abaqulunqi kunye nabathandi befashoni baye bamenywa ukuba baqalise ukusebenza, beqinisekisa ukuba usuku lomdyarho luza kuba ngumboniso obonakalayo njengoko ingumsitho wezemidlalo. Umxholo ukwaphembelele ukuhonjiswa komsitho kunye nomoya womsitho, ukongeza kumava abo bonke abo bazimasayo.
Amalungiselelo omdyarho wamahashe aqhube kakuhle kulandela ukuvezwa kwalo mxholo, apho abo babandakanyekayo, abaquka abanini-marike, ababoneleli ngeenkonzo, nabanini bamahashe, beqale ucwangciso lwabo olucokisekileyo. Ukuqalisa lamalungiselelo kwangethuba bekubalulekile ekwandiseni ifuthe loqoqosho lomsitho, okhule waba ngumhla obalulekileyo kwikhalenda yaseMpuma Kapa.
Ngokudityaniswa nokuqaliswa komxholo, ukuthengiswa kwamatikiti kuzakuvulwa kungekudala, nto leyo ezakuvumela abalandeli ukuba bakhusele iindawo zabo kwangethuba. Lo mnyhadala ubutyhila umxholo wefashoni ubungumcimbi obundilisekile, ubuzinyaswe ziindwalutho neendwendwe ezikhethekileyo. Lo mnyhadala ukwabonelele ngokukroba kwisitayile kunye nobugocigoci obuya kuphawula usuku lomdyarho walo nyaka.
Lo Mdyarho wamaHashe iBerlin November wawumiselwe ukuba ibe sisiphelo esibalaseleyo kuthotho lwemidyarho ebibanjelwe kwiphondo liphela, lutsale abakhuphisanayo nababukeli abasuka kude.
Kulo nyaka, ngumnyhadala weshumi elinanye (11) lo.
Abaxhasi nabo badlale indima ebalulekileyo, belungiselela ukubonisa iimpawu zabo kunye negalelo kwimpumelelo yomsitho.
INtabozuko ilungiselela ukwamkela iindwendwe zosuku lolonwabo olungenakuthelekiswa nanto, apho uchulumanco lomdyarho wamahashe luya kudibana nobuhle belizwe lefashoni.