Igxothiwe ingqonyela yeNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS) uAndile Nongogo.
Oku kubhengezwe ngentseni yangoLwesibini ngethuba kunikwa inkcazo ngeKomiti eSigxina yee-Akhawunti zikaRhulumente.
UNongogo owanqunyanyiswa emsebenzini ngoSeptemba, uchaphazeleka kwityala lentlawulo agxothwayo ngoku.
Kwiveki ephelileyo, kudizwe ukuba uphando olwenziwa yi-Werkmans Attorneys lufumanise ukuba uNongogo, ukhethe iifem ezine ukuze ahlawule abafundi abamalunga ne-1.1 yesigidi izibonelelo zabo zenyanga ne-R1 650 ngokuthe ngqo, hayi kumaziko emfundo ephakamileyo, ebikade isetyenziswa ngaphambili.
Icandelo yoPhando oluKhethekileyo (i-SIU) nayo ibikuloo ntlanganiso kwaye yaqaphela iqela leziphene kwinkqubo ye-NSFAS, ezichaphazela kakhulu uninzi lwabafundi.
I-SIU ithe thaca iziphumo zayo kwiKomiti ngoLwesibini, iqaqambisa ukungakwazi kwenkqubo ukubona ukuba umfundi ukufanele na ukufumana inkxaso-mali, abasebenzi bayakwazi ukufikelela kule nkqubo nokutshintsha iinkcukacha zabamkeli, ingakumbi iinkcukacha zebhanki neenombolo zeselula.
Uphando lwe-SIU lukwabonise ukuba abamkeli kunye nababoneleli-nkonzo abazange bavavanywe sesi sikim.
Oku kuthetha ukuba le nkqubo ayinako ukuvavanya abafundi, iidilesi zabo zamakhaya okanye imivuzo.
Abanini-mhlaba ababonelela ngendawo yokuhlala yabafundi nabo abazange bavavanywe.
Ukanti Inkqubo yenkxaso-mali ibijongene nemingeni enxulumene neenkqubo zayo zokuhlawula ngokuthe ngqo, ukulibaziseka ekusombululeni izibheno kunye nokuvunywa kweendawo zokuhlala.
Abafundi abaphuma kwilizwe ngokubanzi bangenele uqhanqalazo oluninzi, abanye babo sele benobundlobongela, emva kokungafumani nkxaso-mali.
Le ntetho ikwadize ukuba alishumi elinesibini amaziko eMpuma Koloni atyala uNSFAS malunga neR418 yezigidi zeerandi, nangaphezulu kwilizwe jikelele.
I-SIU ikwacebise amaziko atyala imali kaNSFAS, ukuba atyikitye isivumelwano setyala kwaye ayihlawule ngezavenge ngenyanga.