Igxothiwe Ingqonyela ye National Student Financial Aid Scheme

Igxothiwe ingqonyela yeNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS) uAndile Nongogo.

Oku kubhengezwe ngentseni yangoLwesibini ngethuba kunikwa inkcazo ngeKomiti eSigxina yee-Akhawunti zikaRhulumente.

UNongogo owanqunyanyiswa emsebenzini ngoSeptemba, uchaphazeleka kwityala lentlawulo agxothwayo ngoku.

Kwiveki ephelileyo, kudizwe ukuba uphando olwenziwa yi-Werkmans Attorneys lufumanise ukuba uNongogo, ukhethe iifem ezine ukuze ahlawule abafundi abamalunga ne-1.1 yesigidi izibonelelo zabo zenyanga ne-R1 650 ngokuthe ngqo, hayi kumaziko emfundo ephakamileyo, ebikade isetyenziswa ngaphambili.

Icandelo yoPhando oluKhethekileyo (i-SIU) nayo ibikuloo ntlanganiso kwaye yaqaphela iqela leziphene kwinkqubo ye-NSFAS, ezichaphazela kakhulu uninzi lwabafundi.

I-SIU ithe thaca iziphumo zayo kwiKomiti ngoLwesibini, iqaqambisa ukungakwazi kwenkqubo ukubona ukuba umfundi ukufanele na ukufumana inkxaso-mali, abasebenzi bayakwazi ukufikelela kule nkqubo nokutshintsha iinkcukacha zabamkeli, ingakumbi iinkcukacha zebhanki neenombolo zeselula.

Uphando lwe-SIU lukwabonise ukuba abamkeli kunye nababoneleli-nkonzo abazange bavavanywe sesi sikim.

Oku kuthetha ukuba le nkqubo ayinako ukuvavanya abafundi, iidilesi zabo zamakhaya okanye imivuzo.

Abanini-mhlaba ababonelela ngendawo yokuhlala yabafundi nabo abazange bavavanywe.

Ukanti Inkqubo yenkxaso-mali ibijongene nemingeni enxulumene neenkqubo zayo zokuhlawula ngokuthe ngqo, ukulibaziseka ekusombululeni izibheno kunye nokuvunywa kweendawo zokuhlala.

Abafundi abaphuma kwilizwe ngokubanzi bangenele uqhanqalazo oluninzi, abanye babo sele benobundlobongela, emva kokungafumani nkxaso-mali.

Le ntetho ikwadize ukuba alishumi elinesibini amaziko eMpuma Koloni atyala uNSFAS malunga neR418 yezigidi zeerandi, nangaphezulu kwilizwe jikelele.

I-SIU ikwacebise amaziko atyala imali kaNSFAS, ukuba atyikitye isivumelwano setyala kwaye ayihlawule ngezavenge ngenyanga.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA