Uluntu lwakumasipala ombaxa waseBuffalo City, kwisiXeko saseMonti, luthweswe uxanduva lokuqhuba umsebenzi kwiivenkile zeSpaza, ngenxa yonxunguphalo olugqugqisayo kwilizwe jikelele. Nalapho iingxelo zidiza ukuba zithengisa ukutya okuphelelwe lixesha nokungekho mthethweni.
Othethe egameni loMaspala uSamkelo Ngwenya uthi kwiindawo ezithile abahlali baqalile ukuphanga iivenkile zokutya.
Uthi ngomdla wokukhusela abemi, umasipala ombaxa uzakuqinisa imisebenzi yayo eqhubayo ijolise kwiivenkile.
UNgwenya uthi iiSpaza Shops kufuneka zihlangabezane nemigangatho ethile yezempilo ephantsi kunye neemfuno zikamasipala kwaye uMasipala uza kuvala iivenkile ezingathobeliyo imithetho de zenze utshintsho oluyimfuneko.
Uthi nangona iingxelo zakutsha nje zokusweleka zixhalabisa, uluntu kufuneka ngamaxesha onke luwuthobele umthetho.
“Abahlali ngoku abagunyaziswanga ngumthetho ukuba baqhube imisebenzi nakweyiphi na indawo yokutya kweli lizwe.
“I-Buffalo City inoxanduva lokukhusela abathengi kunye nabanini beevenkile ukuqinisekisa ukukhula koqoqosho oluluqilima kwiindawo esihlala kuzo.
“OoCeba kunye neenkokheli zemveli bayakhuthazwa ukuba bakhokele kwaye baqhagamshelane neeNkonzo zezeMpilo zikaMasipala ngokuthe ngqo ngazo naziphi na iimveliso zokutya ezikrokrelekayo kwiindawo abahlala kuzo.
“Ezi zicelo ziza kwenziwa ngokukhawuleza, ngokwesikhundla sesebe,” utshilo.
Kwiveki ephelileyo amagosa womaspala ase Buffalo City kunye neNelson Mandela Bay abambe abantu bangaphandle abangamashumi asixhenxe anesithandathu bathatha iilekese eziphelelwe lixesha, iibhiskithi, izinongo zomgunyathi, amachiza omgunyathi, izinto zokuthambisa zomgunyathi, ilahle leHooka, icuba elingekho mthethweni nezinye izinto ezininzi eziquka amayeza. , uvavanyo lokukhulelwa lobuxoki, ishedyuli engavumelekanga yesi-5 kunye ne-6 yamayeza, izinto zokuthambisa, kunye nezinye izinto ezixabisa izigidi zeerandi.