Ngokuqinisekileyo abalandeli nabathandi beqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni nelizinze eGqeberha nabaphathi abasoze bangaxoli yindlela eliqhuba ngayo eliqela.
Ngomgqibelo umhla wamashumi amabini(20) kule imiyo inyanga ebusuku iiChilli Boyz bezindwendwele iqela laseTswane kwiphondo laseGouteng nalapho iSupersport United nebezingabahlinzeki bebethelwe kowabo.
ISupersport United ize kakade kulomdlalo iqhwalela emva kokungenzi kakuhle nalapho kwimidlalo ibiyidlalile phambi kwalomdlalo wabo neChippa bebengakwazanga ukuphumelela kwamdlalo nangona bebebethwe isihlandlo esinye(1) badlala ngokulingana izihlandlo ezintandathu(6).
Kubonakala kunzima ngakumbi kwiqela likaGavin Hunt nongumqeqeshi weliqela emva kokubethelwa ekhaya ngamanqaku amabini eqandeni(2-0) liqela laseMpuma Koloni iChippa United.
Abaqeqeshi beChippa ababini uKwanele Kopo noThabo September baye bazibonakalisa ukuba balazi ukusuka nokuhlala iqela lamatsantsantsa aPitoli qela elo babesakusebenza kulo phambi kokuba babizwe ukuze bazokuqeqesha iqela lakowabo eMpuma Koloni.
Oko befikile kwiqela leChippa abaqeqeshi ababini ukopo noSeptember badlale kakuhle ingakumbi ekhaya kuba oko befikile ababethwa kakhulu ekhaya kusekuhambeni apho babonaka bengenzi kakuhle.
Kodwa kwesi isihlandlo kusenokwenzeka ukuba kwenzeka ekuqhele ukwenzeka kuba iSupersport kakade kubanzima kubo ukubetha iiChilli Boyz sizakukhe sibone ukuba bazakuqhuba njani kweminye imidlalo yasekuhambeni.
By Siphiwo Boqwana

